Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / ImiZekeliso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IiNdumiso ImiZekeliso EcclesiastesImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise; Ke unyana osisiyatha usisingqala sonina.

2 Ubuncwane bokungendawo abunyusi; Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni.

3 UYehova akawuyeki ulambe umphefumlo welungisa; Ke imbimbithelo yabangendawo uyayisunduza.

4 Uba lihlwempu osebenza ngesandla esidangeleyo; Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa.

5 Obutha ehlotyeni ngunyana onengqiqo; Owozela ngexa lokuvuna ngunyana odanisayo.

6 Ziintsikelelo entlokweni yelungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.

7 Ukukhunjulwa kwelungisa kuhleli kunentsikelelo; Igama labangendawo liba livithi.

8 Ontliziyo ilumkileyo uyayamkela imithetho; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.

9 Ohamba ngengqibelelo uhamba ngenkoloseko; Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa.

10 Otyanda ngoshiyi ubanga imbulaleko; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.

11 Lithende lobomi umlomo welungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.

12 Intiyo ixhokonxa ingxabano; Uthando lugubungela zonke izono.

13 Ubulumko bufumaneka emlonyeni wonengqondo; Intonga yeyomhlana woswele intliziyo.

14 Izilumko ziya kuqhusheka ukwazi, Ke wona umlomo wesimathane yintshabalalo ekwalapha ukusondela.

15 Ubuncwane besityebi ngumzi waso oliqele; Iintshabalalo yabasweleyo bubuhlwempu babo.

16 Umvuzo welungisa usingisa ebomini; Ungeniselo longendawo lusingisa esonweni.

17 Umendo osa ebomini kukugcina uqeqesho: Olahla isohlwayo uyandwendwa.

18 Oyifihlayo intiyo ungumlomo wexoki; Ohambisa intlebendwane usisidenge.

19 Ebuninzini bamazwi akusweleki sono; Owubambayo umlomo wakhe unengqiqo.

20 Yisilivere enyuliweyo ulwimi lwelungisa; Intliziyo yabangendawo yintwana engeyakonto.

21 Umlomo welungisa udlisa abaninzi; Izimathane zifa ngokuswela intliziyo.

22 Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo, Imbulaleko ayongezi nento kuyo.

23 Ukwenza amanyala kunjengokudlala kwisidenge; Ubulumko bunjengokudlala, kwindoda enengqondo.

24 Into anxunguphala yiyo ongendawo, yiyo emfikelayo; Akunqwenelayo amalungisa aya kunikwa.

25 Kwakugqitha isaqhwithi, akabikho ongendawo; Ke lona ilungisa luseko lwaphakade.

26 Njengeviniga emazinyweni, njengomsi emehlweni, Linjalo ivila kwabalithumayo.

27 Ukoyika uYehova kongeza imihla; Ke yona iminyaka yabangendawo iyanqanyulwa.

28 Ukulinda kwamalungisa luvuyo; Ithemba labangendawo liyadaka.

29 Iyinqaba yabagqibeleleyo indlela kaYehova; Yintshabalalo kubasebenzi bobutshinga.

30 Ilungisa alishukunyiswa naphakade; Ke bona abangendawo abalihlali ilizwe.

31 Umlomo welungisa umila ubulumko; Ulwimi lwempenduka luyanqanyulwa.

32 Imilebe yomlomo welungisa iyakwazi okwamkelekileyo; Umlomo wabangendawo uyimpenduka.

<< ← Prev Top Next → >>