Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / ImiZekeliso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IiNdumiso ImiZekeliso EcclesiastesImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 Isikali esikhohlisayo singamasikizi kuYehova; Ilitye elizeleyo lilikholo kuye.

2 Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa; Bunabathozamileyo ubulumko.

3 Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha; Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa.

4 Abunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo; Ubulungisa buyahlangula ekufeni.

5 Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe; Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe.

6 Ubulungisa babathe tye buyabahlangula; Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo.

7 Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe; Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.

8 Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni, Kufike ongendawo esikhundleni salo.

9 Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo; Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.

10 Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa; Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.

11 Ngentsikelelo yabathe tye siyaphaka nyiswa isixeko; Ngomlomo wabangendawo siyahleleleka.

12 Odela ummelwane wakhe uswele intliziyo: Ke indoda enengqondo ihlala ithi tu.

13 Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo; Ke yena omoya unyanisileyo uyayigubungela into.

14 Kwakuba kungekho mbonisi, bayawa abantu; Usindiso lusebuninzini bamaphakathi.

15 Kubi kakhulu komele omnye; Ke yena okuthiyayo ukumela omnye ukholosile.

16 Umfazi osimilo silungileyo uzizekela uzuko; Abanobungqwangangqwili bazizekela ubutyebi.

17 Uwuphethe kakuhle umphefumlo wakhe umtu onenceba; Isijorha siyihlisele ishwangusha inyama yaso.

18 Ongendawo usebenzela umvuzo oyinkohliso; Ke yena ohlwayela ubulungisa unomvuzo oyinyaniso.

19 Ubulungisa obububo busingisa ebomini; Ophuthuma ububi usingisa ekuzibulaleni kwakhe.

20 Ngamasikizi kuYehova abantliziyo zijibilizayo; Ukholwa ngabo bandlela zigqibeleleyo.

21 Ukakade onobubi akabi msulwa; Ke yona imbewu yamalungisa iyasinda.

22 Likhonkco legolide ethatheni lehagu Inzwakazi eswele izimvo.

23 Umnqweno wamalungisa yinto elungileyo yodwa; Ithemba labangendawo kukuphuphuma nje komsindo.

24 Kukho ohlakazayo, aye esanda ngokwanda; Kukho nozinqandayo kokumfaneleyo, oko kube yintswelo yodwa.

25 Umphefumlo osikelelayo uyatyetyiswa; Oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.

26 Omangala nengqolowa, luyamqalekisa uluntu; Intsikelelo isentlokweni yothengisa ngayo.

27 Ozondelele okulungileyo ufuna okwamkelekileyo; Ongxamele ububi, buya kumfikela.

28 Okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena; Ke amalungisa aya kuhluma njengamagqabi.

29 Ogxugxisa indlu yakhe uya kudla ilifa elingumoya; Isimathane soba ngumkhonzi kontliziyo ilumkileyo.

30 Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi; Umbambisi wemiphefumlo sisilumko.

31 Yabona, ilungisa liyavuzwa ehlabathini; Wobeka phi na ke ongendawo nomoni!

<< ← Prev Top Next → >>