Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / ImiZekeliso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IiNdumiso ImiZekeliso EcclesiastesImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 Uthanda uqeqesho othanda ukwazi; Uthiya isohlwayo osisityhakala.

2 Olungileyo uyamkeleka kuYehova; Indoda enamayelenqe uyifumana inetyala.

3 Akuzimaseki mntu, enokungendawo; Ke yona ingcambu yamalungisa ayishukunyiswa.

4 Umfazi onesidima usisithsaba endodeni yakhe; Owenza okuziintloni unjengempehla emathanjeni ayo.

5 Iingcinga zamalungisa zisesikweni; Amacebo abangendawo yinkohliso.

6 Amazwi abangendawo ngawokulalela igazi; Umlomo wabathe tye uyabahlangula.

7 Bakuba bebhukuqiwe abangendawo, ababikho; Indlu yamalungisa iyema.

8 Indoda idunyiswa ngokwengqiqo yayo, Entliziyo igwenxa iba ngodelekileyo.

9 Ulungile ophantsi enesicaka, Ngaphezu kozizukisayo eswele ukudla.

10 Ilungisa liyawazalelela umphefumlo wenkomo yalo; Iimfesane zabangendawo zibubujorha.

11 Owusebenzayo umhlaba wakhe uhlutha kukudla; Osukelana nento engento uswele intliziyo.

12 Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabanobubi; Ingcambu yamalungisa iyanika.

13 Ekuphosiseni komlomo kukho isirhintyelo esinobubi; Ke lona ilungisa liyaphuma embandezelweni.

14 Ngesiqhamo somlomo wayo indoda iyahlutha kokulungileyo, Nempatho yezandla zomntu ibuyela kuye.

15 Indlela yesimathane ithe tye kwawaso amehlo; Ophulaphula ukucetyiswa usisilumko.

16 Isimathane sikwazisa kwangaloo mini ukuqumba kwaso; Ke yena onobuqili uyakugubungela ukucukucezwa.

17 Ophefumla inyaniso uxela ubulungisa; Ingqina elixokayo lixela inkohliso.

18 Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele; Ke lona ulwimi lwezilumko luyaphilisa.

19 Umlomo wenyaniso uzimasekile kwaphela; Ke lona ulwimi oluxokayo lolwephanyazo.

20 Inkohliso isentliziyweni yabayila ububi; Ke bona abacebi boxolo bayabuyisa.

21 Ilungisa aliqubisani nobubi; Ke bona abangendawo bazele yinkxwaleko.

22 Ungamasikizi kuYehova umlomo oxokayo; Abenza inyaniso ukholisiwe ngabo.

23 Umntu onobuqili uyakugubungela ukwazi; Intliziyo yesinyabi ivakalisa ukumatha.

24 Isandla sabakhutheleyo siyalawula; Ukudangala kufakwa uviko.

25 Isithukuthezi esisentliziyweni yendoda siyenza igobe; Liyayivuyisa ilizwi elihle.

26 Ilungisa lingumkhokeli kuwalo; Indlela yabangendawo iyabandwendwisa.

27 Odangeleyo akayibhulisi inyamakazi yakhe; Ke ubuncwane obunqabileyo bomntu kukukhuthala.

28 Busemendweni wobulungisa ubomi; Ukuyinyathela indlela yabo kukungafi.

<< ← Prev Top Next → >>