Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / ImiZekeliso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IiNdumiso ImiZekeliso EcclesiastesImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 Unyana osisilumko uva uqeqesho lukayise; Ke yena umgxeki akeva kukhalinyelwa.

2 Ngesiqhamo somlomo wayo indoda idla okulungileyo. Ke wona umnqweno wamanginingini kukugonyamela.

3 Obambe umlomo wakhe ugcine umphefumlo wakhe; Owuthe qheke umlomo wakhe, yintshabalalo kuye leyo.

4 Umphefumlo wevila uyanqwena, ungazuzi; Umphefumlo wabakhutheleyo uyatyetyiswa.

5 Ilungisa liyithiyile into ebubuxoki; Yena ongendawo uyanukisa, enze okuziintloni.

6 Ubulungisa bulondoloza ihambo egqibeleleyo; Okungendawo kuyamphenula umoni.

7 Kukho ozenza isityebi, engenayo nento; Kukho ozenza isisweli, enobuncwane obuninzi.

8 Ucamagusho lomphefumlo wendoda bubutyebi bayo; Isisweli asiva kusongelwa.

9 Isikhanyiso samalungisa siyavuya; Ke sona isibane sabangendawo siyacima.

10 Ngokukhukhumala kuvuka ukulwa kuphela; Ubulumko bunabavuma ukucetyiswa.

11 Ubuncwane basebubhedengwini buya kuncipha; Ke yena obutha ngezipha, uyandisa.

12 Ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo; Ungumthi wobomi umnqweno ofezekileyo.

13 Odela ilizwi ubanjwa lilo; Owojika umthetho uyavuzwa.

14 Umyalelo wesilumko lithende lobomi, Ukuze kumkiwe ezirhintyelweni zokufa.

15 Ingqiqo entle ibanga ubukholwane; Indlela yamanginingini inzima.

16 Bonke abanobuqili benza ngokwazi; Isinyabi siya kwaneka ukumatha.

17 Umthunywa ongendawo weyela ebubini; Isigidimi esinyanisileyo siyaphilisa.

18 Unobuhlwempu nocukucezo ophulukene noqeqesho; Osigcinileyo isohlwayo uyazukiswa.

19 Umnqweno ofeziweyo unencasa emphefumlweni; Kulisikizi kwisinyabi ukumka ebubini.

20 Ohamba nezilumko uba sisilumko naye; Ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.

21 Aboni basukelwa bububi; Ke wona amalungisa ayavuzwa kokulungileyo.

22 Olungileyo ushiya ilifa kubazukulwana bakhe; Ubutyebi bomoni buqwetyelwe ilungisa.

23 Umkhubelo wamahlwempu unokudla okuninzi; Kukho ophetshethwa kukungabi nabulungisa.

24 Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe; Ke omthandayo umqeqesha esemncina ne.

25 Ilungisa lidla ukuba kuhluthe umphefumlo walo; Ke sona isisu sabangendawo siyalamba.

<< ← Prev Top Next → >>