Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / ImiZekeliso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IiNdumiso ImiZekeliso EcclesiastesImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31

1 Xa uthe wahlala phantsi, ukuba udle nomlawuli, Qonda uqonde lowo uphambi kwakho;

2 Ubeke isitshetshe emqaleni wakho, Ukuba ungumntu onombilini.

3 Musa ukuzinqwenela izidlo zakhe ezinencasa; Kukudla kwenkohliso.

4 Musa ukuzidinisa ngokufuna ubutyebi; Yeka okwakho ukuqonda.

5 Amehlo akho uya kuwasukelisa ubutyebi na, bungekho nje? Kuba bona buzenzela amaphiko, Buphaphazela njengexhalanga elisinge ezulwini.

6 Musa ukudla ukudla koliso libi, Ungazinqweneli izidlo zakhe ezinencasa;

7 Kuba njengoko anjalo ocinga yedwa unjalo yena; Uthi kuwe, Yidla usele, Ukanti intliziyo yakhe ayinawe;

8 Umthamo wakho owudlileyo uya kuwuhlanza, Ulahlekwe ngamazwi akho amnandi.

9 Musa ukuthetha ezindlebeni zesinyabi; Ngokuba siya kuyidela ingqiqo yokukhuluma kwakho.

10 Musa ukuwushenxisa umlimandlela wakudala; Ungangeni emasimini eenkedama;

11 Kuba umkhululi wazo womelele; Wobambana nawe yena ngobambano lwazo.

12 Yinikele intliziyo yakho eluqeqeshweni, Neendlebe zakho entethweni yokwazi.

13 Musa ukuluyeka uqeqesho emntwaneni; Ukuba uthe wambetha ngentonga akayi kufa.

14 Wombetha ngentonga, Uhlangule umphefumlo wakhe kwelabafileyo.

15 Nyana wam, ukuba ithe yalumka intliziyo yakho. Yovuya intliziyo yam, kwaeyam lo,

16 Zidlamke izintso zam Ekuthetheni komlomo wakho okuthe tye.

17 Intliziyo yakho mayingabamoneli aboni; Ke mayizonde ukoyika uYehova imini yonke;

18 Inene, kukho ikamva, Nethemba lakho aliyi kunqunyulwa.

19 Yiva, wena nyana wam, ulumke, Uyinyathelise intliziyo yakho ithi gca endleleni.

20 Musa ukuba phakathi kwamasela-wayini, Naphakathi kwamadla-kudla;

21 Kuba isela-wayini nedla-kudla liyahlwempuzeka; Kona ukozela kwambesa amajacu.

22 Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo, Ungamdeli unyoko akuba mkhulu.

23 Thenga inyaniso, ungathengisi ngayo; Nobulumko, noqeqesho, nengqondo.

24 Ugcoba kakhulu uyise welungisa; Ozele isilumko uyavuya ngaso.

25 Makavuye uyihlo nonyoko, Agcobe umfazi owakuzalayo.

26 Ndinike intliziyo yakho, nyana wam, Amehlo akho akholiswe ziindlela zam.

27 Kuba sisihogo esinzulu ihenyukazi, Liqula elimxinwa umfazi wolunye uhlanga.

28 Ude alale njengesihange, Awandise amanginingini eluntwini.

29 Ungokabani na uYeha? Ungokabani na uYoo? Zinabani na iingxabano? Inabani na inkalazo? Anabani na amanxeba angenasizathu? Anabani na amehlo anozizi?

30 Anabo balibala ewayinini, Abangena bayiminyele iwayini ephithikeziweyo.

31 Musa ukuyikhangela iwayini, xa izenza ingqombela, Xa ibengezelayo endebeni, Xa ihla kamnandi;

32 Ukuphela kwayo iluma njengenyoka, Iluma njengerhamba.

33 Amehlo akho aya kubona izinto zasemzini, Intliziyo yakho ithethe impenduka;

34 Ube njengolele esazulwini solwandle, Nanjengolele encotsheni yemasti;

35 Uthi, Bandibetha, andeva ntlungu; Bandintlitha, andaba nanto ndiyaziyo; Ndiya kuvuka nini na? Ndiya kuphinda ke, ndiya kubuya ndiyifune.

<< ← Prev Top Next → >>