Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / EcclesiastesImiZekeliso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

ImiZekeliso EcclesiastesImiZekeliso INgoma yazo iiNgoma

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12

1 Ngubani na onjengesilumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulumko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, buguqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe.

2 Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.

3 Musa ukukungxamela ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.

4 Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?

5 Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesi gwebo;

6 ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;

7 ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?

8 Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya; akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko.

9 Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.

10 Ekubeni kunjalo, ndibone abangendawo bengcwatywa, begoduka; besithi endaweni engcwele bemke abo benze okulungileyo, balityalwe kuloo mzi.

11 Kwanaloo nto ingamampunge. Ekubeni isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.

12 Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe;

13 kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo.

14 Kukho amampunge enzekayo ehlabathini: ukuba kukho amalungisa ahlelwa ngokokwenza kwabangendawo; kukho nabangendawo abahlelwa ngokokwenza kwamalungisa; ndathi, kwanaloo nto ingamampunge.

15 Ndaluncoma ke mna uvuyo, ngokuba kungekho nto imlungeleyo umntu phantsi kwelanga, ngaphezu kokuba adle, asele, avuye; loo nto ithane mbende naye emigudwini yakhe, ngemihla yobomi bakhe amnikayo uThixo phantsi kwelanga.

16 Xeshikweni ndayinikelayo intliziyo yam ukuba ndibazi ubulumko, ndiwubone umzamo owenzekayo ehlabathini (ngokuba nasemini nasebusuku ababoni buthongo ngamehlo abo),

17 ndasibona ke sonke isenzo sikaThixo, ukuba akanako umntu ukusifumana isenzo eso senzekayo phantsi kwelanga; nakubeni umntu esaphuka ukusifuna, akasifumani. Nokuba sithe isilumko safuna ukwazi, asinakufumana.

<< ← Prev Top Next → >>