Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / INgoma yazo iiNgoma

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

EcclesiastesImiZekeliso INgoma yazo iiNgoma UIsaya

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8

1 Esililini sam ebusuku ndamfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam; Ndamfuna andamfumana.

2 Ndathi, Ndokha ndivuke, ndijikajike phakathi komzi, Ezindaweni zembutho nasezitratweni; Ndiya kumfuna lowo uthandwa ngumphefumlo wam. Ndamfuna andamfumana.

3 Abalindi abajikajika phakathi komzi bandifumana; Ndathi kubo, Khe nambona na lowo uthandwa ngumphefumlo wam?

4 Ndithe ndisandula ukudlula kancinane kubo, Ndamlumana lowo uthandwayo ngumphefumlo wam; Ndambamba, andamyeka, Ndada ndamzisa endlwini kama, Engontsini yowandikhawulayo.

5 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisa Amabhadikazi namaxhamakazi asendle, Ukuba ningaluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando, Lude luthande.

6 Ngubani na lo, unyuka evela entlango njengemiqulu yomsi, Eqhunyiselwa ngemore nentlaka emhlophe, Ithatyathwe emigutyeni yonke yomrhwebi?

7 Yabona, sisingqengqelo sikaSolomon, Siphahlwe ngamagorha angamashumi amathandathu Kumagorha akwaSirayeli.

8 Onke aphethe amakrele, afundiswe ukulwa, Lilelo linekrele ethangeni lalo Ngenxa yokoyika ebusuku.

9 Ukumkani uSolomon uzenzele ithala Ngemithi yaseLebhanon.

10 Iintsika zalo uzenze ngesilivere, Isayamo salo ngegolide, umqamelo walo ngento emfusa, Umphakathi walo ubekelelwe ngothando, Luvela ezintombini zaseYerusalem.

11 Phumani, zintombi zaseZiyon, nimkhangele ukumkani uSolomon, Enesithsaba, awasinxitywa ngunina ngemini yokuzeka kwakhe, Nangemini yokuvuya kwentliziyo yakhe.

<< ← Prev Top Next → >>