Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / INgoma yazo iiNgoma

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

EcclesiastesImiZekeliso INgoma yazo iiNgoma UIsaya

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8

1 Iye phi na intanda yakho, Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi? Ibheke ngaphi na intanda yakho, Ukuze sikufunise?

2 Intanda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba, Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba.

3 Mna ndingowentanda yam, nentanda yam yeyam yona; Yalusela ezinyibibeni.

4 Uyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa, Unomkhitha njengeYerusalem; Woyikeka njengemikhosi eneebhanile.

5 Wasuse amehlo akho kum, Ngokuba andiqwelile. Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhwe Ezisemathambekeni aseGiliyadi.

6 Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegusha Ezinyukayo, zivela ekuhlanjweni, Zonke zizele amawele, Kungekho ifelweyo kuzo.

7 Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho, Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.

8 Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibhozo amashweshwe, Neentombi ezingenakubalwa.

9 Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam; Mnye yena kunina, Umnyulwa walowo wamzalayo. Zambona iintombi, zathi unoyolo, Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.

10 Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo, Mhle njengenyanga, Unyulu njengelanga, Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?

11 Bendihle ndaya emyezweni weminoti, Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo, Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na, Imirharnate ityatyambile na.

12 Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibeke Ezinqwelweni zabantu bam, zamanene.

13 Buya, buya, mShulamikazi; Buya, buya, sikubone. Nibona ntoni na kumShulamikazi, Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?

<< ← Prev Top Next → >>