Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / INgoma yazo iiNgoma

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

EcclesiastesImiZekeliso INgoma yazo iiNgoma UIsaya

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8

1 Azi kuhle ukunyathela kwakho ngeembadada, ntombi yenene! Izimbo zamanqe akho zinjengezidanga, Umsebenzi wezandla zengcibi.

2 Inkaba yakho sisidendeleko esiyinqila; Masingasweli iwayini ephithikeziweyo; Isisu sakho sisidimbilili sengqolowa, Sibiyelwe ngeenyibiba.

3 Amabele akho omabini anjengamankonyana ebhadi, Amankonyana amabini ebhadi, angamawele.

4 Intamo yakho injengenqaba yophondo lwendlovu; Amehlo akho ngamachibi aseHeshbhon, Ngasesangweni layo, inabantu abaninzi; Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanon Ebheke eDamasko.

5 Intloko yakho phezu kwakho injengeKarmele, Ubuyakayaka bentloko yakho bunjengosinga olumfusa; Ukumkani ukhonkxwe ngeenjiko zabo.

6 Azi umhle, azi umnandi, Luthando, eziyolweni!

7 Iwonga lakho eli lifana nomthi wesundu; Amabele akho afana nezihloko zomdiliya.

8 Ndathi, Ndiya kuminya emthini wesundu; Ndiya kubambelela emagqabini awo; Amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya, Nevumba lempumlo yakho libe njengeeapile;

9 Nekhuhlangubo lakho libe njengewayini le ilungileyo, Ihla kamnandi kwintanda yam, Ibanga ukuba uthethe umlomo wabaleleyo.

10 Mna ndingowentanda yam, Kukum ukungxamela kwayo.

11 Hamba, ntanda yam, siphume siye emaphandleni, Silale emizaneni.

12 Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni, Sibone ukuba umdiliya unamathupha na, iintyantyambo zawo zibhenqekile na, Imirharnate ityatyambile na. Ndokunika apho izincokoliso zam.

13 Amathuma apha anevumba; Phezu kweminyango yethu ziziqhamo ngeziqhamo ezimnandi kakhulu, ezitsha kwanezidala, Endiziqwebele wena, ntanda yam.

<< ← Prev Top Next → >>