Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UIsaya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

INgoma yazo iiNgoma UIsaya UYeremiya

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66

1 Isihlabo esisingisele kwiYiputa. Bona ke uYehova ekhwele efini elinamendu, uza eYiputa. Ziya kudidizela izithixo ezingento zaseYiputa phambi kwakhe, intliziyo yeYiputa inyibilika phakathi kwayo.

2 AmaYiputa ndiya kuwaxhokonxela kwa-amaYiputa, alwe elowo nomzalwana wakhe, elowo nommelwane wakhe, umzi nomzi, ubukumkani nobukumkani.

3 Wothiwa qongqololo umoya wamaYiputa phakathi kwawo; ndiliginye icebo lawo, aquqele kwizithixo ezingento, nakwabadumze layo, nakwabaneshologu, nakoosiyazi;

4 ndiwavingcele amaYiputa ngesandla senkosi esilukhuni, alawulwe ngukumkani onengcwangu; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi.

5 Aya kuthi qoko amanzi aselwandle, utshe wome umlambo;

6 zinuke izibhaxa zawo, iwuthe itshe imijelo yoMnayile waseYiputa, zishwabane iingcongolo nemikhanzi.

7 Iintili ezingakuMnayile, ngasechwebeni loMnayile, nento yonke ehlwayelweyo, iya koma, iphetshethwe ingabikho.

8 Baya kuncwina ababambisi beentlanzi, bambambazele bonke abaphosa iqherhu eMnayileni, bathi matshamatsha abaneka umnatha phezu kwamanzi.

9 Baya kudana abasebenzi beflakisi echazwayo, nabaluki belinen emhlophe;

10 zithiwe vithivithi iintsika zalo, ube buhlungu umphefumlo wabo bonke abasebenzela umvuzo.

11 Bazizimathane zodwa abathetheli baseTsohan; amaphakathi alumkileyo kaFaro, icebo labo libubutyhakala. Ningathini na ukuthi kuFaro, Ndingunyana wezilumko, ndingunyana wookumkani bamandulo?

12 Ziphi na, ziphi na ke izilumko zakho? Mazikuxelele kaloku, ziyazi into ayicebileyo uYehova wemikhosi ngeYiputa.

13 Bazizimathane abathetheli baseTsohan, balukuhliwe abathetheli baseNofu; bayilahlekisile iYiputa abayimbombo yezizwe zayo.

14 UYehova uthululele embilinini wayo umoya wobugwenxa, ukuba bayilahlekise iYiputa ekwenzeni kwayo konke, njengokugxadazela kwenxila emhlanzweni walo.

15 IYiputa ayiyi kuba nasenzo isenzayo intloko kwanomsila, isebe lesundu nomzi womlambo,

16 Ngaloo mini amaYiputa aya kuba njengabafazi, agubhe, ankwantye phambi kokulingisa ngesandla kukaYehova wemikhosi, alingisa ngaso kuwo.

17 Umhlaba wakwaYuda woyixhalabisa iYiputa; athi othe wawukhankanya kuyo, ankwantye, ngenxa yecebo likaYehova wemikhosi, alicebileyo ngayo.

18 Ngaloo mini imizi emihlanu ezweni lamaYiputa iya kuthetha intetho yelakwaKanan, ifunge uYehova wemikhosi; omnye kuya kuthiwa yi-Ir-heres.

19 Ngaloo mini kuya kubakho isibingelelo kuYehova phakathi kwelizwe lamaYiputa, nelitye elimisiweyo kuYehova ngasemdeni walo.

20 Oko koba ngumqondiso nobungqina kuYehova wemikhosi ezweni lamaYiputa; xa athe akhala kuYehova ngenxa yabaxinezeli bawo, wowathumela umsindisi nomthetheleli, awahlangule.

21 UYehova uya kuzazisa kumaYiputa, amazi uYehova amaYiputa ngaloo mini, amkhonze ngemibingelelo nangeminikelo yokudla; abhambathise ngezibhambathiso kuYehova, azizalise.

22 UYehova uya kuwabetha ke amaYiputa, ebetha ephilisa; abuyele kuYehova, yena athandazeke ngawo, awaphilise.

23 Ngaloo mini kuya kubakho umendo ophuma eYiputa, oya eAsiriya; eze ama-Asiriya eYiputa, amaYiputa aye eAsiriya, akhonze uYehova amaYiputa kunye nama-Asiriya.

24 Ngaloo mini amaSirayeli aya kuba sisahlulo sesithathu kumaYiputa nakuma-Asiriya, eyintsikelelo phakathi kwehlabathi;

25 ewasikelela uYehova wemikhosi, esithi, Nisikelelwe, maYiputa, bantu bam; ma-Asiriya, msebenzi wezandla zam; maSirayeli, lifa lam.

<< ← Prev Top Next → >>