Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UIsaya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

INgoma yazo iiNgoma UIsaya UYeremiya

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66

1 Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo.

2 Iyatyatyamba, ithi rhoqo; iyagcoba, ewe, iyagcoba, imemelele, inikwe ubuqaqawuli beLebhanon, ubungangamela beKarmele neSharon; ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamela boThixo wethu.

3 Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo.

4 Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise.

5 Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu;

6 size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini;

7 isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. Esikhundleni sempungutye, apho ibuthuma khona, kuya kuba butyani neengcongolo nemikhanzi.

8 Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona: abahamba loo ndlela— nabazizihula abayi kulahleka kuyo.

9 Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo; aliyi kufunyanwa khona; kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa;

10 abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi.

<< ← Prev Top Next → >>