Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UIsaya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

INgoma yazo iiNgoma UIsaya UYeremiya

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66

1 Yithini tu phambi kwam, ziqithi; izizwe mazihlaziye amandla; mazize zisondele, zandule zithethe; masiqubisane ematyaleni.

2 Ngubani na ovuse empumalanga lowo ukhawulelwa bubulungisa ezinyaweni zakhe? Unikela iintlanga phambi kwakhe, unyathela ookumkani, ubanikela ekreleni lakhe njengothuli, esaphetheni sakhe njengomququ ophetshethwayo.

3 Uyabasukela, udlula enoxolo ngomendo abengawuhambanga ngeenyawo zakhe.

4 Ngubani na okusebenzileyo wakwenza oko, obiza izizukulwana kwasentloko? Ndim, mna Yehova, ndingowokuqala; nakwabangasemva ndikwanguye.

5 Iziqithi zabona zoyika, iziphelo zehlabathi zagubha, zasondela, zeza.

6 Umntu wamnceda ummelwane wakhe, wathi kumzalwana wakhe, Yomelela.

7 Ingcibi yomeleza umnyibilikisi; ogudisayo ngesando womeleza obetha esikhandelweni, esithi, Kulungile; wasiqinisa ngezikhonkwane, ukuba singashukumi isithixo.

8 Ke wena Sirayeli, mkhonzi wam Yakobi, wena ndakunyulayo, mbewu ka-Abraham umthandi wam;

9 endakubambayo kwaseziphelweni zehlabathi, endakubizayo kwasemacaleni alo; endathi kuwe, Ungumkhonzi wam wena, ndikunyule, andikucekisile;

10 musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam.

11 Yabona, baya kudana bahlazeke bonke abavutha umsindo ngawe; aya kuba yinto engento, adake amadoda abambana nawe.

12 Uya kuwafuna, ungawafumani, amadoda aphikisana nawe; aya kuba yinto engento, engekhoyo, amadoda alwa nawe.

13 Ngokuba mna, Yehova Thixo wakho, ndiya kusibamba isandla sakho sokunene; ndingothi kuwe, Musa ukoyika, ndiya kukunceda mna.

14 Musa ukoyika, mbungu Yakobi, bantu bambalwa bakwaSirayeli; ndiya kukunceda mna; utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli.

15 Yabona, ndikwenze isisizilo esibukhali esitsha, esintlangothi mbini; uya kuzi bhula iintaba uzicole, iinduli uzixelise umququ.

16 Uya kuzela, umoya uzitha bathe, umoya ovuthuzayo uziphangalalise; ke wena ugcobe ngoYehova, uqhayise ngoyiNgcwele kaSirayeli.

17 Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya.

18 Ndiya kuyivula imilambo eluqayini, nemithombo phakathi kweentili, ndenze intlango ibe lidike elinamanzi, nomhlaba ongumqwebedu ube ziindawo eziphuma amanzi.

19 Ndiya kutyala entlango imisedare, nemingampunzi, nemimirtile, neminquma yasendle, ndimise enkqantosini imisipres, nemipleyini, nemigalagala, ndawonye;

20 ukuze babone, bazi, bagqale ngentliziyo, baqiqe kunye, ukuba isandla sikaYehova sikwenzile oko, oyiNgcwele kaSirayeli ukudalile oko.

21 Sondezani iindawo enibambene ngazo, utsho uYehova; zimiseni iziganeko zenu, utsho uKumkani kaYakobi.

22 Mabazizise, basixelele okuza kuhla; mabaxele izinto zangaphambili, ubunjani bazo, sizigqale ngeentliziyo, silazi ikamva lazo; nokuba zezizayo siviseni.

23 Xelani izinto ezizayo ngasemva, ukuze sazi ukuba ningoothixo; ewe, yenzani okulungileyo, nokuba kokubi, sikhwankqiswe, sibonisane ngako.

24 Yabonani, ningabento engento, nomsebenzi wenu awuni yani; ulisikizi oninyulayo.

25 Ndivuse owasentla, weza; owasempumalanga, onqula igama lam; uzifikela iirhuluneli njengodaka, njengombumbi exovula udongwe.

26 Ngubani na owakuxelayo oko kwasekuqaleni? makavele sazi; owakuxelayo ngenxa engaphambili makavele, sithi, Ulungisile. Hayi, akukho waxelayo; hayi, akukho wavakalisayo; hayi, akukho wazivayo iintetho zenu.

27 Ndim endaqala ndathi kwiZiyon, Yabona, nanzo; ndayinika iYerusalem umshumayeli weendaba ezilungileyo.

28 Kuba ndakhangela, akwabakho bani; nakwaba akwabakho bacebisi ndingababuzayo, baphendule ngelizwi.

29 Yabona, bonke bephela bayinto engento, ziyinto engekhoyo izenzo zabo, imifanekiso yabo etyhidiweyo ingumoya nochuku.

<< ← Prev Top Next → >>