Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UIsaya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

INgoma yazo iiNgoma UIsaya UYeremiya

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66

1 Utsho uYehova ukuthi, Gcinani isiko, nenze ubulungisa; kuba lusondele ukuba luze usindiso lwam, nobulungisa bam ukuba butyhileke.

2 Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku; ogcina isabatha ukuba angayihlambeli; ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi.

3 Makangatsho ke unyana wolunye uhlanga, lo unamathele kuYehova, ukuthi, UYehova uya kundahlula kube kanye ebantwini bakhe; malingathi ithenwa, Yabona, ndingumthi owomileyo.

4 Ngokuba utsho uYehova kumathenwa ukuthi, Abazigcinayo iisabatha zam, banyule endikuthandayo, babambelele emnqophisweni wam,

5 ndobanika, endlwini yam nasezindongeni zam, indawo negama elilungileyo ngaphezu koonyana neentombi; ndobanika igama elingunaphakade elingayi kunqunyulwa.

6 Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam:

7 ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke.

8 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubabutheni abagxothiweyo bakaSirayeli, ndisaya kubutha nabanye ngaphaya kwakhe, ngaphaya kwababuthiweyo bakhe.

9 Nonke marhamncwa asendle, yizani apha; yizani kudla, nonke marhamncwa asehlathini.

10 Ababoniseli bakhe baziimfama, bonke bephela abanakwazi, bonke bephela bazizinja ezizizidenge, ezingenakukhonkotha; zibhuda, zilala, zithanda ubuthongo.

11 Ewe, bazizinja ezithanda ukudla, ezingahluthiyo nokuhlutha; banjalo ke abalusi, abakwazi ukuqonda; bonke bephela babheke kwezabo iindlela, elowo kweyakhe inzuzo, kowakhe ummandla.

12 Uthi, Yizani, ndiya kuthabatha iwayini, sisele kunene isiselo esinxilisayo; neyangomso imini ibe njengale, ibe nkulu, incamise kunene.

<< ← Prev Top Next → >>