Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYeremiya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UIsaya UYeremiya IziLilo

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52

1 Sabani, nyana bakaBhenjamin, niphume phakathi kweYerusalem, naseTekowa, nivuthele isigodlo, niphakamise into iphakame phezu kweBhete-hakerem; ngokuba ububi buyalunguza, buvela entla, nembubhiso enkulu.

2 Umntwana omhle, umteketiswa, intombi enguZiyon, ndiyayitshabalalisa.

3 Beza kuyo abalusi nemihlambi yabo, bagxumeka kuyo iintente zabo ngeenxa zonke; badla elowo endaweni yakhe.

4 Yingcwaliseleni imfazwe; sukani nime, sinyuke emini enkulu. Athi ke thina! Imini iza kusangana, ngokuba amathunzi okuhlwa ayoluka.

5 Sukani nime, sinyuke ebusuku, sizitshabalalise iingxande zayo ezinde.

6 Ngokuba utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Yigawuleni imithi yayo, niyifumbele iYerusalem udonga lokungqinga; wona mzi wokuvelelwa, wonke uphela, unocudiso phakathi kwawo.

7 Njengoko iqula liwampompozisayo amanzi alo, yenjenjalo ukumpompozisa izinto zayo ezimbi. Ukugonyamela nokubhuqa kuvakala kuyo; kuhleli kukho phambi kobuso bam isifo nesibetho.

8 Yaleka, Yerusalem, hleze umphefumlo wam uziqhawule kuwe; hleze ndikwenze kube senkangala kuwe, ube lilizwe elingamiweyo.

9 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kuwabhikica bawabhikice amasalela amaSirayeli, njengomdiliya; sibuyisele isandla sakho emagatyeni, njengomvuni weediliya.

10 Ndiya kuthetha koobani na, ndiqononondise, beve? Yabona, ayaluswanga indlebe yabo, abanako ke ukubaza indlebe. Yabona, ilizwi likaYehova libe liyingcikivo kubo, abalinanzile.

11 Ndizele bubushushu bukaYehova; ndidiniwe kubububamba. Buphalazele phezu komntwana esitratweni, naphezu kwembutho yamadodana kunye; ngokuba indoda kwanomfazi baya kubanjwa, amadoda amakhulu kwanabazele yimihla.

12 Ziya kugqithela kubambi izindlu zabo, amasimi nabafazi kunye; ngokuba isandla sam ndisolula phezu kwabemi belizwe; utsho uYehova.

13 Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.

14 Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.

15 Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawayo; ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.

16 Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu; bathi ke bona, Asiyi kuhamba ngayo.

17 Ndamisa phezu kwenu ababoniseli, ndisithi, Libazeleni indlebe ilizwi lesigodlo; bathi ke bona, Asiyi kulibazela ndlebe.

18 Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo.

19 Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.

20 Yeyani na ke le ntlaka imhlophe yakwaShebha iza kum, nekalamo evumba limnandi yasezweni elikude? Amadini enu anyukayo akakholekile kum, nemibingelelo yenu ayimnandi kum.

21 Ngako oko utshilo uYehova ukuthi, Yabona, ndibabekela izikhubekiso aba bantu, bakhubeke kuzo ooyise noonyana, ummelwane kunye nowabo, batshabalale.

22 Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kuza abantu bevela ezweni lasentla, uhlanga olukhulu, luxhoxhwa, luvele esinqeni somhlaba.

23 Baqubule isaphetha nenkcula; bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo ligquma njengolwandle; bakhwela emahasheni, bexhobe njengendoda yokulwa, ukukufikela wena, ntombi enguZiyon.

24 Siluvile udaba lwaloo nto; ziwile izandla zethu; imbandezelo isibambile, ukuzibhijabhija njengozalayo.

25 Musani ukuya emasimini, ningahambi ngendlela: ngokuba utshaba lunekrele, kunxunguphala ngeenxa zonke.

26 Ntombi yabantu bam, bhinqa ezirhwexayo, uzigalele ngothuthu; menzele isijwili ozelwe wamnye, ukumbambazela okukrakra; ngokuba uya kusizela ngesiquphe umbhuqi.

27 Ndikwenze umcikidi phakathi kwabantu bam njengenqaba, ukuze uyazi uyicikide indlela yabo.

28 Bonke bephela baziinjubaqa zazo iinjubaqa, behamba behleba; balubhedu nesinyithi, bonke bephela bayonakalisa.

29 Itshe ngumlilo imfutho, isekupheleni ilothe; bafumana benyibilikisa banyibilikise; abenzi bobubi abahlengeki.

30 Bayisilivere ecekisiweyo, ukubizwa kwabo, ngokuba uYehova ebacekisile.

<< ← Prev Top Next → >>