Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYeremiya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UIsaya UYeremiya IziLilo

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52

1 Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ekuthumeni kokumkani onguZedekiya ooPashure unyana kaMalekiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuye, ukuthi,

2 Khawusibuzele kuYehova, ngokuba uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esilwa nathi; mhlawumbi uYehova wosenzela ngokwemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo, enyuke esuke kuthi yena.

3 Wathi uYeremiya kubo, Notsho kuZedekiya ukuthi,

4 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyazijika iimpahla zemfazwe ezisezandleni zenu, enilwa ngazo nokumkani waseBhabheli, namaKaledi aningqingayo, ngaphandle kodonga, ndizihlanganisele esazulwini salo mzi.

5 Ndiya kulwa nani mna ngesandla esolukileyo, nangengalo ethe nkqi, ndinomsindo, ndinobushushu, ndinoburhalarhume obukhulu.

6 Ndiya kubabetha abemi balo mzi, abantu kwaneenkomo; baya kufa yindyikitya yokufa enkulu.

7 Emveni koko, utsho uYehova, ndomnikela uZedekiya ukumkani wakwaYuda, nabakhonzi bakhe, nabantu abo baseleyo kulo mzi, endyikityeni yokufa, nasekreleni, nasendlaleni; ndibanikele esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, nasesandleni seentshaba zabo, nasesandleni sabawufunayo umphefumlo wabo; ababethe ngohlangothi lwekrele; akayi kuba nanceba kubo, akayi kubaconga, akayi kuba namfesane.

8 Ke kwaba bantu wothi, Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndibeka phambi kwenu indlela yobomi nendlela yokufa.

9 Othe wahlala kulo mzi uya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ke yena othe waphuma, waphambela kumaKaledi aningqingayo, uya kuphila umphefumlo wakhe, ube lixhoba kuye.

10 Ngokuba ubuso bam kulo mzi ndibumisele ububi, andibumisele okulungileyo, utsho uYehova; uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhaheli, awutshise ngomlilo.

11 Ke kwindlu yokumkani wakwaYuda wothi, Yivani ilizwi likaYehova.

12 Ndlu kaDavide, utsho uYehova ukuthi, Thethani amatyala imiso yonke, ophangiweyo nimhlangule esandleni somcudisi, hleze ubushushu bam buphume njengomlilo, butshise, kungabikho ucimayo ngenxa yobubi beentlondi zenu.

13 Yabonani, ndichasene nani, bemi bentili, beliwa lehewu, utsho uYehova; nina bathi, Ngubani na oya kuhla phezu kwethu? ngubani na oya kusingenela emakhaya?

14 Ke ndonivelela ngokwesiqhamo seentlondi zenu, utsho uYehova; ndifake isikhuni ehlathini layo, udle umlilo ngeenxa zonke kuyo.

<< ← Prev Top Next → >>