Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYeremiya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UIsaya UYeremiya IziLilo

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52

1 UYehova wandibonisa, nanzo iingobozi ezimbini zamakhiwane, zibekiwe phambi kwetempile kaYehova; emveni kokuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli ebebathimbile ooYekoniya unyana kaYehoyakim, ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakwaYuda, nengcibi, nabakhandi, ebasusa eYerusalem, ebasa eBhabheli.

2 Enye ingobozi ibinamakhiwane alungileyo kakhulu, enjengamakhiwane aziintlahlela ekuvuthweni; enye ingobozi ibinamakhiwane amabi kunene, angenakudliwa ngobubi bawo.

3 Wathi ke uYehova kum, Ubona ntoni na, Yeremiya? Ndathi, Amakhiwane; amakhiwane alungileyo, elunge kunene; amabi emabi kunene, engenakudliwa ngobubi bawo.

4 Kwafika kum ilizwi likaYehova, lisithi,

5 Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengaloo makhiwane alungileyo, ndiya kwenjenjalo ukubakhangelela okulungileyo abathinjiweyo bakwaYuda endibagxothileyo kule ndawo, baya ezweni lamaKaledi.

6 Ndiya kulimisela okulungileyo iliso lam kubo, ndibabuyisele kweli lizwe, ndibakhe, ndingabagungxuli; ndibatyale, ndingabanyothuli.

7 Ndobanika intliziyo yokundazi, ukuba ndinguYehova, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo; ngokuba baya kubuyela kum nentliziyo yabo yonke.

8 Ke, njengamakhiwane amabi angenakudliwa ngobubi, inene, utsho uYehova ukuthi, Ndiya kumenza abe njalo uZedekiya ukumkani wamaYuda, nabathetheli bakhe, namasalela aseYerusalem aseleyo kweli lizwe, nahleliyo ezweni lamaYiputa.

9 Ndiya kubanikela kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuba babe yinto yokunqakulisa, babe nobubi, babe sisingcikivo, nomzekeliso, nento yentsini neyokutshabhiswa ezindaweni zonke endibagxothela khona.

10 Ndolithuma phakathi kwabo ikrele, nendlala, nendyikitya yokufa, bade bagqitywe, baphele emhlabeni endawunika bona nooyise.

<< ← Prev Top Next → >>