Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UHezekile

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IziLilo UHezekile UDaniyeli

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48

1 Ke kaloku, ngomnyaka wamashumi omathathu, ngenyanga yesine, ngolwesihlanu usuku enyangeni leyo, ndakubon’ ukuba ndiphakathi kwabathinjiweyo ngasemlanjeni oyiKebhare, avuleka amazulu, ndabona imibono kaThixo.

2 Ngolwesihlanu enyangeni leyo (ingumnyaka ke wesihlanu wokuthinjwa kokumkani uYehoyakin lowo),

3 kwafika ilizwi likaYehova kuHezekile unyana kaBhuzi, umbingeleli, ezweni lamaKaledi, ngasemlanjeni oyiKebhare; saba phezu kwakhe apho isandla sikaYehova.

4 Ndabona ke, nanko kusiza umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi.

5 Ngaphakathi kwawo yimfano yezinto eziphilileyo ezine. Nantsi ke imbonakalo yazo: zibe zinemfano yomntu;

6 inye ibinobuso obune, inye kuzo apho ibinamaphiko amane.

7 Imilenze yazo ibiyimilenze ethe nkqo; umphantsi weenyawo ubunjengomphantsi wenqina lethole; zidangazela zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo.

8 Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni azo omane; zone ke zinobuso namaphiko;

9 amaphiko azo abehlangene, elaleyo nelaleyo; bezingajiki ekuhambeni kwazo, bezihamba, iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo.

10 Imfano yobuso bazo ibe ibubuso bomntu; zinobuso bengonyama zone ngasekunene; zinobuso benkomo zone ngasekhohlo, zinobuso bokhozi zone;

UHezekile 1:10 - The Prophet Ezekial: Glory of God
The Prophet Ezekial: Glory of God
11 ubuso bazo namaphiko azo abe ahlukene ngaphezulu; iyileyo inamabini ehlangene nawaleyo, namaphiko amabini ke egubungele imizimba yazo.

12 Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya khona; azajika ekuhambeni kwazo.

13 Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umhlophe ke umlilo lowo, emlilweni kuphuma imibane.

14 Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane.

15 Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obune.

16 Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite, zimfani-nye zone; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili.

17 Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omane; azajika ekuhambeni kwazo.

18 Iifeleni zazo beziphakamile, bezisoyikeka; iifeleni zazo bezizele ngamehlo ngeenxa zonke kuzo zone.

19 Zakuhamba izinto eziphilileyo, zahamba nazo iivili ecaleni lazo; zakusuka izinto eziphilileyo emhlabeni, zasuka nazo iivili.

20 Apho sukuba usiya khona umoya, zaya apho sukuba umoya ubusiya khona; zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.

21 Zakuhamba, zahamba nazo; zakuma, zema nazo; zakusuka emhlabeni, zasuka iivili kunye nazo; ngokokuba umoya wezinto eziphilileyo ubukho ezivilini ezo.

22 Naphezu kweentloko zezinto eziphilileyo bekukho into efana nesibhakabhaka, ngathi ngembonakalo yikristale eyoyikekayo, sanekiwe phezu kwentloko yazo ngaphezulu.

23 Ngaphantsi kwesibhakabhaka amaphiko ayethe tye, elo lasinga kwelo; iyileyo inamabini ayigubungeleyo, iyileyo inamabini ayigubungeleyo emzimbeni.

24 Ndeva ke isandi samaphiko azo, sinjengesandi samanzi amaninzi, ngathi lilizwi loSomandla, ekuhambeni kwazo; izwi elinengxolo ngathi sisandi somkhosi; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.

25 Kwabakho ke izwi liphuma ngaphaya kwesibhakabhaka, esibe siphezu kweentloko zazo; zakuma, zawayeka ehla amaphiko azo.

26 Ngaphezu kwesibhakabhaka esibe siphezu kweentloko zazo, kwabonakala umfanekiselo wetrone, wanga lilitye lesafire; ngaphezu komfanekiselo wetrone kwabakho umfanekiselo ongathi yimbonakalo yomntu phezu kwayo ngaphezulu.

27 Ndabona ke, ngathi yimbonakalo yegolide evuthiweyo, ngathi yimbonakalo yomlilo, ngaphakathi kwayo nangeenxa zonke kuyo, kwathabathela embonakalweni yesinqe kwenyusa; kwathabathela embonakalweni yesinqe kwehlisa, ndabona ke ngathi yimbonakalo yomlilo, kumhlophe ke ngeenxa zonke.

28 Ngathi yimbonakalo yomnyama obakhoyo efini mini ngemvula, yabe injalo imbonakalo yobumhlophe ngeenxa zonke. Leyo yimbonakalo yomfanekiselo wobuqaqawuli bukaYehova. Ndabona ke, ndawa ngobuso, ndaliva izwi lothethayo.

<< Prev Top Next → >>