Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UHezekile

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IziLilo UHezekile UDaniyeli

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48

1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho ezintabeni zakwaSirayeli, uprofetele kuzo,

3 uthi, Yivani, nina zintaba zakwaSirayeli, ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova kwiintaba nakwiinduli, kwizihlambo nakwimifula, ukuthi, Yabonani, ndinizisela ikrele, ndizidilize iziganga zenu.

4 Ziya kuba ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe izithixo zenu zelanga; ndibakhahlele ababuleweyo benu phambi kwezigogo zenu.

5 Ndozibeka izidumbu zoonyana bakaSirayeli phambi kwezigodo zabo, ndiwachithachithe amathambo enu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu.

6 Imizi yoba ngamanxuwa ezindaweni zonke zokuhlala kwenu, zichithakale iziganga; ukuze zichithakale zibe ngamanxuwa izibingelelo zenu, zaphulwe ziphele izigodo zenu, zigawulwe izithixo zenu zelanga, icinywe imisebenzi yenu.

7 Uya kuwa obuleweyo esazulwini senu; nazi ukuba ndinguYehova.

8 Ndiya kushiya amasalela, ngokuthi kubekho kuni abasindileyo ekreleni phakathi kweentlanga, ekuchithwachithweni kwenu emazweni.

9 Abasindileyo benu baya kundikhumbula phakathi kweentlanga abathinjelwe kuzo, xa ndithe ndayaphula intliziyo yabo ehenyuzayo, eyemkayo kum, namehlo abo abehenyuza ngokulandela izigodo zabo; bakruquke bububi ababenzileyo ngokusingisele emasikizini abo onke.

10 Baya kwazi ukuba ndinguYehova; andifumane ndathetha ndathi, Ndiya kubenza obu bubi kubo.

11 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Betha esandleni sakho, ungqishe ngonyawo lwakho, uthi, Yeha! ngenxa yawo onke amasikizi amabi endlu kaSirayeli; kuba baya kuwa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa.

12 Okude uya kufa yindyikitya yokufa, okufuphi awe likrele, nosale walondolozwa afe yindlala; ndibuphelelisele kubo ubushushu bam.

13 Niya kwazi ukuba ndinguYehova, bakuba ababuleweyo benu bephakathi kwezigodo zenu ngeenxa zonke ezibingelelweni zenu, ezindulini zonke eziphakamileyo, ezincotsheni zonke zeentaba, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza, naphantsi kwemiterebhinti ethe shinyi, ezindaweni ababenikela kuzo ivumba elithozamisayo kwizigodo zabo zonke.

14 Ndosolula isandla sam phezu kwabo; ndilenze ilizwe kube senkangala yakwankangala, ngaphezu kwentlango yakwaDibhelata, ezindaweni zonke zokuhlala kwabo; bazi ukuba ndinguYehova.

<< ← Prev Top Next → >>