Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UDaniyeli

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UHezekile UDaniyeli UHoseya

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12

1 Ngomnyaka wesithathu wobukumkani bukaYehoyakim ukumkani wakwaYuda, kweza uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli eYerusalem, wayingqinga.

2 INkosi yamnikela uYehoyakim ukumkani wakwaYuda esandleni sakhe, nenxalenye yeempahla zendlu kaThixo, awazithwalela ezweni laseShinare, endlwini yothixo wakhe; iimpahla ezo wazingenisa endlwini yobuncwane bothixo wakhe.

3 Wathi ukumkani kuAshpenazi, umthetheli-mathenwa akhe, makazise abakoonyana bakaSirayeli, nabembewu yakwakumkani, nabakumawaba;

4 abantwana abangenasiphako, abanomkhitha, ababuqiqileyo ubulumko bonke, abanokwazi, abanokuyiqonda bayazi into, abafanele ukuma ebhotweni lokumkani; abafundise incwadi nolwimi lwamaKaledi.

5 Ukumkani wabamisela umamkeliso wemini ngangemini yawo, ekudleni kokumkani nasewayinini ayiselayo, ukuze bondliwe iminyaka emithathu; bathi ekupheleni kwayo beme phambi kokumkani.

6 Ke phakathi kwabo abo kwaye kukho abakoonyana bakaYuda, inguDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya.

7 Umthetheli-mathenwa wabathiya amagama; uDaniyeli wamthiya elokuba nguBheletshatsare, uHananiya elokuba nguShadraki, uMishayeli elokuba nguMeshaki, uAzariya elokuba nguAbhede-nego.

8 Ke kaloku, uDaniyeli wayegqibe entliziyweni yakhe, ukuba angazingcolisi ngokudla kokumkani nangewayini ayiselayo; wacela kumthetheli-mathenwa ukuba angazingcolisi.

9 UThixo wenza uDaniyeli ukuba afumane inceba nemfesane phambi komthetheli-mathenwa.

10 Umthetheli-mathenwa wathi kuDaniyeli, Ndiyayoyika inkosi yam ukumkani, omise eniya kukudla neniya kukusela; yini na ukuba abubone ubuso benu buthe matshamatsha kunobabaya baziintanga zenu? Noyizekisa ityala intloko yam kukumkani.

11 Wathi uDaniyeli kwinjoli, abethe umthetheli-mathenwa wayimisa phezu koDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya,

12 Khawubalinge abakhonzi bakho iintsuku ezilishumi, sinikwe sidle imifuno, sisele namanzi;

13 kukhangelwe phambi kwakho ukubonakala kwethu, nokubonakala kwabantwana abadla ukudla kokumkani; wenze ke kubakhonzi bakho njengoko ubone ngako.

14 Yabaphulaphula ke kweli lizwi, yabalinga iintsuku ezilishumi.

15 Ekupheleni kweentsuku ezilishumi, yabonakala imbonakalo yabo intle, betyebile, ngaphezu kwabantwana bonke abadla ukudla kokumkani.

16 Yakususa ke injoli ukudla kwabo, newayini abange beyisela, yabanika imifuno.

17 Abo bantwana bane uThixo wabanika ukwazi, nokuziqonda iincwadi zonke, nobulumko; uDaniyeli waba nokuyiqonda imibono yonke, namaphupha.

18 Ekupheleni kweentsuku, abethe ukumkani maze baziswe ngazo, umthetheli-mathenwa wabangenisa ke phambi koNebhukadenetsare.

19 Ukumkani wathetha nabo; kubo bonke bephela akufumanekanga banjengoDaniyeli, noHananiya, noMishayeli, noAzariya. Bema ke bona phambi kokumkani.

20 Ke kuzo zonke iindawo zobulumko bokuqonda, abezibuza kubo ukumkani, wabafumana bebadlula ngokukalishumi zonke izazi nabakhwitsi abasebukumkanini bonke.

21 Ke kaloku uDaniyeli waba lapho, kwada kwangumnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani.

<< Prev Top Next → >>