Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UHoseya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UDaniyeli UHoseya UYoweli

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14

1 USirayeli ngumdiliya onabileyo; wazixakathela iziqhamo. Okukhona waba neziqhamo, kokukhona wandisa izibingelelo; okukhona lalungayo ilizwe lakhe, kokukhona walungisa izimiso zamatye.

2 Yaba buthelezi intliziyo yabo; ngoku baya kuva benetyala. Uya kuziqhekeza izibingelelo zabo, azibhuqe izimiso zabo zamatye.

3 Ewe, ngoku baya kuthi, Asinakumkani; kuba asimoyikanga uYehova; nokumkani lowa, uya kusenzela ntoni na?

4 Bathetha amazwi nje, bashwabula ngenkohlakalo, benza iminqophiso; kwahluma okusesikweni, njengobuhlungu emiqeleni yesisimi.

5 Abemi bakwaSamari banxunguphele ngomfanekiso wethole laseBhetaven; ewe, benza isijwili ngalo abantu balo, bathuthumele ababingeleli balo abangengabo, ngenxa yalo, ngenxa yozuko lwalo, kuba lufudukile kulo.

6 Liya kusiwa eAsiriya nalo, libe ngumnikelo kukumkani uYarebhi; uEfrayim uya kubanjwa kukudana, adane uSirayeli ngenxa yecebo lakhe.

7 Ke elakwaSamari, ukumkani walo udakile, unjengeceba phezu kwamanzi.

8 Iziganga zaseAven, isono sikaSirayeli, zotshabalala. Kuya kuhluma imithana enameva neenkunzana ezibingelelweni zabo; baya kuthi kwiintaba, Siseleleni; nakwiinduli, Siweleni.

9 Kususela kwimihla yaseGibheha, Sirayeli wona; bahlala khona; akubafikelanga eGibheha ukulwa noonyana bobugqwetha.

10 Ndiya kubathethisa ke ngokomnqweno wam, zibahlanganyele zonke izizwe, ekubotshelelweni kwabo ebugwenxeni babo bobubini.

11 UEfrayim lithokazi eliqeqeshiweyo, elithanda ukubhula; mna ke ndibeke idyokhwe entanyeni yalo entle. Ndiyamtsalisa uEfrayim; uYuda uya kulima; uYakobi uya kuziqwakanisela.

12 Zihlwayeleleni, ukuba kuvele ubulungisa; vunani ngokwenceba; zikhubeleleni umkhubelo, ekubeni ilixesha lokumquqela uYehova, ade afike aninisele ubulungisa.

13 Nalima okungendawo, navuna ubugqwetha, nadla iziqhamo zobuxoki; kuba wakholosa ngendlela yakho, ngobuninzi bamagorha akho.

14 Kuya kuvuka ingxolo phakathi kwezizwe zakowenu, zibhuqwe neenqaba zakho zonke, njengoko uShaleman wayibhuqayo iBhete-arbhele ngemini yemfazwe; kwacunyuzwa oonina kunye noonyana.

15 Iya kwenjenjalo kuni iBheteli, ngenxa yobubi bezinto zenu ezimbi; kwangesifingo uya kusingelwa phantsi aphele ukumkani wakwaSirayeli.

<< ← Prev Top Next → >>