Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYona

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UObhadiya UYona UMika

Chapitre 1 2 3 4

1 UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi, Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni, Wandiphendula;

2 Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam.

3 Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle, Umlambo waba ngeenxa zonke kum; Adlula phezu kwam onke amaza akho alwayo, namaza akho agugumayo.

4 Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho; Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele.

5 Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni; Andijikeleza amanzi enzonzobila; Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam.

6 Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba; Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade; Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam.

7 Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova: Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.

8 Abagcine amampunge angento yanto Bashiya inceba yabo

9 Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela: Endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa. Usindiso lukuYehova.

10 UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona emhlabeni owomileyo.

<< ← Prev Top Next → >>