Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UMika

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYona UMika UNahum

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7

1 Ndathi, Khanive, zintloko zakwaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli; asikokwenu na ukukwazi okusesikweni?

2 nina, bathiyi bokulungileyo, bathandi bokubi; nina bahlinzi bolusu lwabantu, nenyama yabo emathanjeni abo;

3 nina, bayidlileyo inyama yabantu bam; balobula ulusu iwabo; bawaphula amathambo abo; bawaxhaxha ngathi ngawembiza, ngathi yinyama kungxawu.

4 Baya kwandula bakhale kuYehova, angabaphenduli: asuke abusithelise ubuso bakhe kubo ngelo xesha, njengoko bazenze zambi iintlondi zabo.

5 Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisayo abantu bakowethu; abathi, xa banokuhlafunwayo, baze bamemeze uxolo: bathi, osukuba engafaki nto emlonyeni wabo, bamngcwalisele imfazwe, ukuthi:

6 Ngako oko niya kuba nobusuku, iphuthe imibono; nibe nobumnyama, kuphuthe ukuvumisa; litshone ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.

7 Ziya kudana iimboni, babe neentloni abavumisi, bazigqubuthele iindevu bonke bephela; ngokuba kungekho mpendulo kaThixo.

8 Ke mna ndizele ngamandla ngomoya kaYehova, ndizele kokusesikweni nobugora, ukuze ndimxelele uYakobi ukreqo lwakhe, uSirayeli isono sakhe.

9 Khanive oku, nina zintloko zendlu kaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli, abakwenza amasikizi okusesikweni, bakujikajike konke okuthe tye;

10 abayakha iZiyon ngamagazi, neYerusalem ngobugqwetha.

11 Iintloko zayo zigweba ngenxa yesicengo, nababingeleli bayo bayayala ngenxa yomvuzo, nabaprofeti bayo bavumisa ngenxa yemali; baze bayame ngoYehova, besithi, UYehova akaphakathi kwethu, yini na? asiyi kuzelwa bubi.

12 Ngako oko, ngenxa yenu iya kulinywa iZiyon ibe yintsimi, iYerusalem ibe yimiwewe, intaba yayo indlu ibe yimimango yehlathi.

<< ← Prev Top Next → >>