Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UMika

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYona UMika UNahum

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7

1 Kaloku ngungelanani, ntombi yongungelwano; bayasingqinga, babetha ngentonga esidleleni nakumgwebi wakwaSirayeli.

2 Ke wena, Bhetelehem-efrata, umncinane kunokuba ubekho emawakeni akwaYuda, kuya kuphuma kuwe, eze ngenxa yam, oya kuba ngumlawuli kwaSirayeli, oziphumo zakhe zisusela kumandulo, zisusela kwimihla yasephakadeni.

3 Ngako oko uya kubanikela kude kube lixesha lokuzala kozalayo, ade abuye amasalela abazalwana bakhe, kunye noonyana bakaSirayeli;

4 uya kuma, aluse enamandla kaYehova, enobungangamsha begama likaYehova uThixo wakhe; bahlale; ngokuba ngoku uya kuba mkhulu, ese eziphelweni zehlabathi.

5 Woba luxolo lowo. Xa uAsiriya azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo ezingxandeni zethu ezinde, siya kumisela abalusi abasixhenxe, neenkosi zabantu ezisibhozo, zimelane naye.

6 Baya kulalusa ilizwe laseAsiriya ngekrele, nelizwe lakwaNimrodi emasangweni alo; asihlangule kuma-Asiriya, xa azileyo ezweni lakowethu, xa anyathelayo emideni yethu.

7 Amasalela akwaYakobi aya kuba phakathi kwezizwe ezininzi, njengombethe ophuma kuYehova, njengamathontsi emvula ebutyanini; engathembele mntwini, engalindele koonyana babantu.

8 Amasalela akwaYakobi oba sezintlangeni, phakathi kwezizwe ezininzi, njengengonyama phakathi kweenyamakazi zehlathi; njengengonyama entsha phakathi kwemihlambi yeegusha, yona ithi, ingacanda kuzo, isuke inyhashe, iqwenge, kungabikho mhlanguli.

9 Masiphakame isandla sakho, sibe phezu kwababandezeli bakho, zinqunyulwe zonke iintshaba zakho.

10 Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, ndiwanqumle amahashe akho, angabikho phakathi kwakho, ndizitshabalalise iinqwelo zakho zokulwa.

11 Ndoyinqumla imizi yelizwe lakowenu, ndizigungxule zonke iinqaba zakho;

12 ndibanqamle abakhafuli, bangabikho esandleni sakho; amatola angabikho kuwe.

13 Ndiya kuyinqumla imifanekiso yakho eqingqiweyo, nezimiso zakho zamatye, zingabikho phakathi kwakho; ungabi saqubuda kumsebenzi wezandla zakho.

14 Ndobanyothula ooAshera bakho, bangabikho phakathi kwakho; ndiyitshabalalise imizi yakho.

15 Ndiya kuphindezela ndinomsindo, ndishushu ezintlangeni ezingevayo.

<< ← Prev Top Next → >>