Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UMika

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYona UMika UNahum

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7

1 Khanive akuthethayo uYehova; uthi, Suk’ ume, ubambanene entaba, iinduli zilive ilizwi lakho.

2 Yivani, zintaba, ukubambana kukaYehova, nani zimakade, ziseko zehlabathi; kuba uYehova ubambene nabantu bakhe, uya kuphikisana namaSirayeli.

3 Bantu bam, ndenze ntoni na kuni? Ndinidinise ngantoni na? Ndiphenduleni.

4 Ngokuba ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhulula endlwini yamakhoboka, ndathuma phambi kwenu ooMoses, noAron, noMiriyam.

5 Bantu bam, khanikukhumbule ukucebisa kukaBhalaki ukumkani wakwaMowabhi, nokuphendula kukaBhileham unyana kaBhehori, ethabathela eShitim, wada wesa eGiligali, ukuze niyazi imisebenzi kaYehova yobulungisa.

6 Ndiya kumkhawulela uYehova ndinantoni na? Ndiye kuzigoba na kuThixo ophezulu? Ndiya kumkhawulela ndinamadini anyukayo na, ndinamathole amnyaka mnye na?

7 Wokholiswa na uYehova ngamawaka eenkunzi zezimvu, ngamawaka alishumi emilambo yeoli? Ndorhola owamazibulo na ngenxa yesikreqo sam, isiqhamo somzimba wam na ngenxa yesono somphefumlo wam?

8 Uxelelwe, mntundini, okulungileyo: akubizayo uYehova kuwe, kukuthi wenze okusesikweni, uthande inceba, uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo.

9 Izwi likaYehova libhekisa kuwo umzi ukubiza, igama lakho liyayibona eyona nto iyiyo. Yiveni intonga, nalowo uyiyalelayo.

10 Busekho na ubuncwane bokungendawo endlwini yongendawo, ne-efa edlekileyo, ebhavunyelweyo?

11 Ndoqaqamba na ndinesikali sokungendawo, ndinengxowa yamatye enkohliso?

12 Kuba izityebi zakhona zizele lugonyamelo, nabemi bakhona bathethe ubuxoki, nolwimi lwabo lube lunenkohliso emlonyeni wabo.

13 Nam ke ndikuxabele ngokubulalayo, ndikuphanzisile ngenxa yezono zakho.

14 Wena uya kudla, ungahluthi, uhlale unephango; usabise, ungasindisi; nokusindileyo ndikunikele ekreleni.

15 Wena uya kuhlwayela, ungavuni; wena uya kuxovula umnquma, ungazithambisi ngeoli; uxovule iwayini entsha, ungaseli wayini.

16 Bazigcinela imimiselo kaOmri, nezenzo zonke zendlu ka-Ahabhi, nisuke nihambe ngamacebo abo; ukuze ndinenze nibe ngummangaliso, nabemi bayo babe ngumsondlo; ngoko niya kuthwala ukungcikivwa kwabantu bam.

<< ← Prev Top Next → >>