Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UNahum

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UMika UNahum UHabhakuki

Chapitre 1 2 3

1 Isihlabo esisingisele kwiNineve. Incwadi yombono kaNahum wase-Elekoshe.

2 UYehova nguThixo onobukhwele, ophindezelayo; uYehova ngumphindezeli obushushu bukhulu; uYehova ngumphindezeli kubachasi bakhe, ezigcinela iintshaba zakhe umsindo wakhe.

3 UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ke ngamandla, ongakhe amenze msulwa onetyala; uYehova, indlela yakhe isesivunguvaneni naseluqhwitheleni, namafu aluthuli lweenyawo zakhe.

4 Ukhalimela ulwandle, alutshise, ayomise nemilambo yonke; intshwenyile iKarmele neBhashan, intshwenyile intyantyambo yaseLebhanon.

5 Iintaba ziyanyikima phambi kwakhe, neenduli ziyanyibilika; liyafukuka ihlabathi ebusweni bakhe, elimiweyo nabemi bonke abakulo.

6 Ngubani na ongemayo phambi kobhavumo lwakhe? Ngubani na ongaziphakamisayo ekuvutheni komsindo wakhe? Ubushushu bakhe buphalazeka njengomlilo, namawa ayadilizwa nguye.

7 UYehova ulungile, uligwiba ngemini yembandezelo; uyabazi abazimela ngaye.

8 Ke uyayiphelisa indawo yayo ngomkhukula ehamba phandle, azisukele iintshaba zakhe emnyameni

9 Nicinga ntoni na ngoYehova? Uyaphelisa yena; imbandezelo ayisayi kuphakama izihlandlo ezibini.

10 Kuba bofanelana bephinyelene ngokweziphingo, benxila yiwayini yabo emnandi: baya kudliwa kuphele, njengeendiza ezomileyo.

11 Kuphume kuwe ocinga okubi ngoYehova, oceba ubutshijolo.

12 Utsho uYehova ukuthi, Noko bapheleleyo, bebaninzi nokuba baninzi, baya kusikwa noko benjalo, badlule. Ndikucinezele nje, andiyi kuphinda ndikucinezele.

13 Ngoku ke ndiya kuyaphula idyokhwe yakhe, ingabikho kuwe; ndiziqhawule izitropu zakho.

14 Ke uYehova uwise umthetho ngawe, wokuba akusayi kuba sahlwayelwa nto inegama lakho; endlwini yothixo wakho ndowunqumla umfanekiso oqingqiweyo notyhidiweyo; ndiya kulenza ingcwaba akho; kuba wafunyanwa ulula.

15 Yabonani, zisezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezilungileyo, abavakalisa usindiso. Yenza imithendeleko yakho, Yuda, zalisa izibhambathiso zakho; ngokuba akasayi kubuya acande kuwe olitshijolo; unqunyulwe kwaphela.

<< Prev Top Next → >>