Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UZekariya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UHagayi UZekariya UMalaki

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14

1 Ngaloo mini kuya kubakho ithende elivulelwe indlu kaDavide nabemi baseYerusalem, ngenxa yesono nangenxa yokungcola.

2 Kothi ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiwanqumle amagama ezithixo elizweni, zingabi sakhunjulwa; nabaprofeti nomoya wobunqambi ndibagqithise, bangabikho ezweni apha.

3 Kothi xa athe wabuya waprofeta ubani, bathi kuye uyise nonina abamzalayo. Akuyi kuphila, kuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova. Uyise nonina abamzalayo bomhlaba amahlanza ngenxa yokuprofeta kwakhe.

4 Kothi ngaloo mini, badane abaprofeti, elowo ngumbono wakhe, ekuprofeteni kwakhe, bangambathi ngubo ixhonti yokuze bakhohlise.

5 Wothi, Andimprofeti, ndingumntu olima umhlaba; kuba wandithenga umntu ndisemncinane.

6 Kothiwa kuye, Ayini na la manxeba asezandleni zakho? athi, Ngandangxwelerhwa ngawo endlwini yabazizihlobo zam.

7 Krele, vuka usukele phezulu kumalusi wam, kumfo ongummelwane, utsho uYehova wemikhosi; betha kumalusi, umhlambi ube lusali; ndisibuyisele isandla sam phezu kwezincinane.

8 Kothi ezweni lonke, utsho uYehova, izahlulo ezibini kulo zinqanyulwe zife, esesithathu sihlale kulo.

9 Ndosizisa emlilweni esesithathu, ndibanyibilikise njengokunyibilikiswa kwesilivere, ndibacikide njengokucikidwa kwegolide. Bona baya kunqula igama lam, ndibaphendule mna; ndiya kuthi, Ngabantu bam bona; bathi bona, Yehova, unguThixo wethu.

<< ← Prev Top Next → >>