Izhibhalo Ezingcwele, UMateyu, Chapitre 25. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10954&pid=42&tid=2&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / neZetestamente Entsha / UMateyu

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UMateyu UMarko

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28

1 Ngelo xesha ubukumkani bamazulu buya kufanekiswa neentombi ezilishumi, ezazithabathayo izibane zazo, zaphuma zaya kumkhawulela umyeni.

2 Ezintlanu ke kuzo zaye ziziingqondi, ezintlanu ziziziyatha.

3 Ezo ziziziyatha zaphatha izibane zazo, azaphatha oli nazo;

4 kodwa eziziingqondi zaphatha ioli ezityeni zazo, kwanezibane zazo.

5 Ke kaloku, akubon’ ukuba ulibele umyeni, zozela zonke zalala.

6 Phakathi kobusuku ke kwabakho umemezo oluthi, Nanko umyeni esiza; phumani niye kumkhawulela.

7 Zaza zavuka zonke ezo ntombi, zalungisa izibane zazo.

8 Zathi ke eziziziyatha kweziziingqondi, Sipheni kwioli yenu leyo, ngokuba izibane zethu zicima.

9 Zaphendula ke eziziingqondi, zathi, Hayi, hleze inganeli kuthi nakuni; yiyani kanye kwabathengisayo, nizithengele.

10 Kuthe ke, zisaya kuthenga, wafika umyeni; zaza ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango.

11 Zithi ke kamva zifike nezinye iintombi ezo, zisithi, Nkosi, nkosi, sivulele.

12 Yaphendula ke yona yathi, Inene ndithi kuni, andinazi nina.

13 Phaphani ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.

14 Kuba kunjengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye, wabiza abakhe abakhonzi, wayinikela kubo impahla yakhe.

15 Wathi omnye wamnika iitalente zantlanu, omnye zambini, nomnye yaba nye, walowo wanikwa ngokwawakhe amandla; wahambela kwelinye kwaoko.

16 Lowo ke wamkela iitalente ezintlanu, waya wasebenza ngazo, wenza esinye isihlanu seetalente.

17 Kwangokunjalo nalowo wamkela ezimbini, naye wazuza esinye isibini.

18 Ke naye lowo wamkela yanye, waya wemba emhlabeni, wayifihla imali yenkosi yakhe.

19 Ithi ke emveni kwexesha elikhulu, ifike inkosi yabo bakhonzi, ibalelane nabo.

20 Weza lowo wamkela iitalente ezintlanu, wazisa esinye isihlanu seetalente, esithi, Nkosi, wandinika iitalente zantlanu; khangela, ndizuze esinye isihlanu seetalente phezu kwazo.

21 Yathi ke kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi, ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.

22 Weza ke nalowo wamkela iitalente ezimbini, wathi, Nkosi, wandinika iitalente zambini; khangela, ndizuze esinye isibini seetalente phezu kwazo.

23 Yathi kuye inkosi yakhe, Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! Ubuthembekile kwiinto ezimbalwa; ndiya kukumisa phezu kweento ezininzi; ngena eluvuyweni lwenkosi yakho.

24 Weza ke nalowo wamkela italente yanye, wathi, Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu olukhuni, uvuna apho ubungahlwayelanga khona, ubuthe apho ungelelanga khona;

25 ndasuka ndoyika, ndaya ndayiselela italente yakho ngomhlaba; nanku unako okwakho.

26 Yaphendula ke inkosi yakhe yathi kuye, Mkhonzindini ukhohlakeleyo, ulivila, ubusazi nje ukuba ndivuna apho ndingahlwayelanga khona, ndibuthe apho ndingelelanga khona,

27 ubumelwe kukuthi ngoko ube ubuyibeke imali yam kubananisi, ndaza ndakufika mna, ndabuya ndakuzuza okwam kunenzala.

28 Mhlutheni ngoko italente leyo, niyinike lowo uneetalente ezilishumi.

29 Kuba wonke umntu onako Uya kunikwa, abe nako ngokugqithiseleyo; ke ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako.

30 Naye umkhonzi ongancedi lutho, mkhupheleni ebumnyameni obungaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.

31 Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe;

32 zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga, abahlule abanye kwabanye, njengokuba umalusi ezahlula izimvu ezibhokhweni;

33 athi zona izimvu azimise ngasekunene kwakhe, athi kodwa zona iibhokhwe azimise ngasekhohlo.

34 Uya kuthi ke ukumkani kwabangasekunene kwakhe, Yizani, nina nisikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi;

35 kuba ndalamba, nandipha ukudla; ndanxanwa, nandiseza; ndandingowasemzini, nandingenisa endlwini;

36 ndandize, nandambesa; ndandisifa, nandivelela; ndandisentolongweni, neza kum.

37 Oza amphendule ke amalungisa, esithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga; unxaniwe, sakuseza?

38 Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uze, sakwambesa?

39 Sakubona nini na ke usifa, okanye usentolongweni, seza kuwe?

40 Aze aphendule ukumkani athi kuwo, Inene ndithi kuni, Ekubeni nenjenjalo nakumnye waba bazalwana bam bangabona bancinane, nenjenjalo nakum.

41 Uya kuthi nakwabangasekhohlo, Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade, owalungiselwa uMtyholi nezithunywa zakhe.

42 Kuba ndalamba, anandipha kudla; ndanxanwa, anandiseza;

43 ndandingowasemzini, anandingenisa ndlwini; ndandize, anandambesa; ndandisifa, ndandisentolongweni, anandivelela.

44 Boza ke bamphendule nabo, besithi, Nkosi, sakubona nini na ulambile, okanye unxaniwe, okanye ungowasemzini, okanye uze, okanye usifa, okanye usentolongweni, asakulungiselela?

45 Aze abaphendule, esithi, Inene ndithi kuni, Ekubeni ningenjanga njalo nakumnye waba bangabona bancinane, anenjanga njalo nakum.

46 Baya kumka aba baye elubethweni olungunaphakade; ke wona amalungisa aya kuya ebomini obungunaphakade.

<< ← Prev Top Next → >>