Izhibhalo Ezingcwele, ULuka, Chapitre 9. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10982&pid=44&tid=2&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / neZetestamente Entsha / ULuka

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UMarko ULuka UYohane

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24

1 Ke kaloku, ebabizele ndawonye abafundi bakhe abalishumi elinababini, wabanika amandla negunya kuzo zonke iidemon, nokuphilisa izifo.

2 Wabathuma ukuba babuvakalise ubukumkani bukaThixo, bayiphilise imilwelwe.

3 Wathi kubo, Ningaphathi nto yandlela, namisimelelo, nangxowa yamphako, nasonka, namali, ningabi nangubo zangaphantsi ngambini;

4 nasendlwini enithe nangena kuyo, hlalani khona, ukumka nisuke khona.

5 Abo sukuba benganamkeli, yithini nakuphuma kuloo mzi, niluvuthulule nothuli ezinyaweni zenu, kube bubungqina oko kubo.

6 Bephumile ke, bayihambahamba imizana, bezishumayela iindaba ezilungileyo, bephilisa ezindaweni zonke.

7 Ke kaloku uHerode, umphathi wesahlulo sesine selizwe, waziva zonke izinto ezenziwayo nguye; wesuka wathingaza, ngenxa yokuba bekusithiwa ngabanye, Kuvuke uYohane kwabafileyo;

8 kuthiwe ke ngabanye, Kubonakale uEliya; kuthiwe ngabanye, Kubuye kwavuka umprofeti wakuwo amanyange.

9 Wathi uHerode, UYohane mna ndamnqamla intloko; lo ke ngubani na, ndiva kuthethwa izinto ezinje ngaye. Wayefuna ke ukumbona.

10 Bebuyile abapostile, bamcacisela ukuba zinkulu kwezinto ababezenzile. Wabathabatha, wasithela endaweni eyintlango yomzi okuthiwa yiBhetesayida.

11 Zithe ke zakwazi izihlwele, zamlandela. Wazamkela ke; wayethetha kuzo ngabo ubukumkani bukaThixo; wayebaphilisa ababeswele impilo.

12 Ke kaloku yaqala ukumka imini. Beza ke abalishumi elinababini, bathi kuye, Zindulule izihlwele, ukuze bemke, baye emizini ejikelezileyo, nasemaphandleni, balale, ze bafumane into edliwayo; ngokuba apha sikwindawo eyintlango.

13 Uthe ke kubo, Bapheni nina badle. Bathi ke bona, Akukho nto sinayo ingaphezu kwezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini; singaba kambe siya kuya sibathengele izinto ezidliwayo bonke aba bantu.

14 Kuba amadoda ngathi ayemawaka mahlanu. Wathi ke kubafundi bakhe, Bangqengqiseni, babe yimityino emashumi ngamahlanu.

15 Benjenjalo, babangqengqisa bonke.

16 Ezithabathile ke izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wakhangela ezulwini, wazisikelela, waqhekeza; wamana enika abafundi, ukuba babeke ezihlweleni.

17 Badla bahlutha bonke; kwasuswa okuseleyo kubo izitya zamaqhekeza zalishumi elinazibini.

18 Ke kaloku kwathi, ekubeni ethandaza eyedwa, bantontelana kuye abafundi, wabuza kubo, esithi, Izihlwele ezi zithi ndingubani na?

19 Baphendula ke bona, bathi, Zithi unguYohane umbhaptizi; abanye ke bathi unguEliya; abanye ke bathi, kubuye kwavuka mprofeti uthile kumanyange.

20 Uthe ke kubo, Ke nina nithi ndingubani na? Waphendula ke uPetros wathi, Unguye uKristu kaThixo.

21 Wabakhalimela ke, ebathethela ngelithi, le nto mabangayithethi nakubani; esithi,

22 UNyana woMntu umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, alahlwe ngawo amadoda amakhulu nababingeleli abakhulu nababhali, abulawe, athi ngomhla wesithathu, avuke.

23 Wayesithi ke kubo bonke, Ukuba ubani uthanda ukundilandela, makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele ke.

24 Ngokuba osukuba ethanda ukuwusindisa umphefumlo wakhe, wolahlekelwa nguwo; ke othe wawulahla umphefumlo wakhe ngenxa yam, wowusindisa lowo.

25 Kuba kumnceda ntoni na umntu ukuthi azuze ihlabathi liphela, abe ke ezilahlile, mhlawumbi ezonakalisile?

26 Kuba othe waneentloni ngam, nangawo amazwi am, uNyana woMntu woba neentloni ngaye lowo, xa athe weza esebuqaqawulini bakhe, nobukaYise, nobezithunywa ezingcwele.

27 Ndithi ke kuni, Inyaniso, kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa, bade babubone ubukumkani bukaThixo.

28 Ke kaloku kuthe, emveni kwezi zinto, malunga neentsuku ezisibhozo, wathabatha uPetros noYohane noYakobi; wenyuka wava entabeni, esiya kuthandaza.

29 Kwathi, ekuthandazeni kwakhe, ubuso bakhe babonakala bububumbi, nengubo yakhe yamhlophe yabengezela.

30 Kwabonakala amadoda amabini ethetha naye, engooMoses noEliya,

31 ababonakalayo besebuqaqawulini; babethetha ngophumo lwakhe, abeza kulufeza eYerusalem.

32 Ke kaloku uPetros, nabo babenaye, babesindwa bubuthongo; baza ke bakuthi balulu, babubona ubuqaqawuli bakhe, naloo madoda mabini abemi naye.

33 Ekwahlukaneni kwawo kuye, wathi uPetros kuye uYesu, Mongameli, kuhle ukuba sibe lapha. Masenze ke iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya; watsho engayazi into ayithethayo.

34 Kuthe ke, akubon’ ukuba uthethe ezo zinto, kwabakho ilifu, labenzela ithinzi. Boyika ke ekungeneni kwabo efini apho.

35 Kwabakho nezwi liphuma efini, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena.

36 Lakuba libekho izwi elo, wafunyanwa uYesu eyedwa. Bahlala bathi cwaka bona, ababikela mntu ngaloo mihla kwizinto ababezibonile.

37 Ke kaloku kuthe ngomhla olandelayo, bakubon’ ukuba bahlile entabeni, wahlangatyezwa sisihlwele esikhulu.

38 Kwabonakala kuvela indoda esihlweleni apho, yankqangaza isithi, Mfundisi, ndiyakukhunga, mbone unyana wam; kuba ndimzele wamnye.

39 Uyabona, uthatyathwa ngumoya, akhale kwangesiquphe, umbethe athi xhwenene, ade alephuze amagwebu; Uze uthi, umqobile, umke kuye ngenkankulu.

40 Ndabakhunga ke abafundi bakho ukuba bawukhuphe; ababa nako.

41 Waphendula uYesu wathi, Sizukulwanandini singakholwayo, sigwenxa, koda kube nini na ndikuni, ndininyamezele? Mzise apha unyana wakho.

42 Akubon’ ukuba useza ke, isuke idemon yamntlala, yambetha, wathi xhwenene kunene. Wawukhalimela ke uYesu umoya ongcolileyo, waphilisa umntwana, wambuyisela kuyise.

43 Bakhwankqiswa ke bonke bubungangamela bukaThixo. Bakubon’ ukuba bamangalisiwe bonke zizinto zonke awazenzayo uYesu, wathi kubafundi bakhe,

44 Wabekeleni nina iindlebe la mazwi; kuba uNyana woMntu uza kunikelwa ezandleni zabantu.

45 Kodwa bona babengaliqondi eli, lizwi; laye lifihliwe kubo, ukuze bangaliboni. Babesoyika nokumbuza ngalo eli lizwi.

46 Ke kaloku kwangena ukucamanga phakathi kwabo kokuthi, angaba ngubani na omkhulu phakathi kwabo.

47 Ekubonile ke uYesu ukucamanga kwentliziyo yabo, uthabathe umntwanana, wammisa ngakuye.

48 Wathi kubo, Othe wamamkela lo mntwanana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo wandithumayo. Kuba lowo umncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.

49 Waphendula uYohane wathi, Mongameli, sabona othile ekhupha iidemon egameni lakho; samalela, ngokuba engalandelani nathi.

50 Wathi uYesu kuye, Musani ukumalela; kuba ongachasene nathi, ungecala lethu.

51 Ke kaloku kwathi, yakuzaliseka imihla yokunyuselwa kwakhe phezulu, wazimisela ngokuqinileyo ukuya eYerusalem.

52 Wathuma abathunywa phambi kobuso bakhe; behambile ke, bangena emzaneni wamaSamariya ukuba bamlungiselele.

53 Akamamkela, ngokuba ubuso bakhe bebubheke eYerusalem.

54 Bekubonile ke oko abafundi bakhe, ooYakobi noYohane bathe, Nkosi, uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo?

55 Wathi guququ, wabakhalimela wathi, Anazi ukuba ningabomoya onjani na;

56 kuba uNyana woMntu engaze kutshabalalisa miphefumlo yabantu, uze kusindisa. Baza baya mzaneni wumbi.

57 Kwathi ke, bakubon’ ukuba bayahamba ngendlela, wathi othile kuye, Ndiya kukulandela, apho uthe waya khona, Nkosi.

58 Waza uYesu wathi kuye, Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zezulu zineendawo zokuhlala; ke yena uNyana woMntu akanayo nendawo angalalisa kuyo intloko yakhe.

59 Wathi ke kuwumbi, Ndilandele. Uthe ke yena, Nkosi, ndivumele khe ndimke, ndiye kungcwaba ubawo kuqala.

60 Wathi ke uYesu kuye, Bayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo; ke wena hamba uye kushumayela ubukumkani bukaThixo.

61 Wathi ke nomnye, Ndiya kukulandela, Nkosi; kodwa ndivumele kuqala, khe ndiye kubulisa abo basendlwini yam.

62 Uthe ke uYesu kuye, Akukho namnye usibekileyo isandla sakhe epuluweni, abe emana ekhangela kokusemva, ubulungeleyo ubukumkani bukaThixo.

<< ← Prev Top Next → >>