Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / neZetestamente Entsha / 2 Kwabase Korinte

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

1 Kwabase Korinte 2 Kwabase Korinte KumaGalati

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13

1 Oku kokwesithathu ndisiza kuni. Onke amazwi aya kumiswa ngomlomo wamangqina amabini, nokuba mathathu.

2 Sendixele kade, ndixela ngenxa engaphambili, njengoko ndandikho okwesibini, nanjengoku ndingekhoyo ngoku, ndibaxelela abo bone kade, nabanye bonke, okokuba xa ndithe ndabuya ndafika, andiyi kubaconga;

3 ekubeni nifuna isiganeko sokuthetha kukaKristu phakathi kwam, ongaswele amandla ngokusingisele kuni, onamandla phakathi kwenu.

4 Kuba, nakuba wabethelelwayo emnqamlezweni ngokwasekusweleni amandla, udla ubomi ngokwasemandleni kaThixo. Kuba nathi siswele amandla kuye, noko siya kudla ubomi naye ngokwasemandleni kaThixo, ngokubhekisele kuni.

5 Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu. Okanye anizazi na ukuba uYesu Kristu ungaphakathi kwenu? ukuba okunene aningabo abo bangenakucikideka.

6 Ndiyathemba ke ukuba niyakwazi, ukuba asingabo abo bangenakucikideka thina.

7 Ndithandaza ke kuye uThixo, ukuba ningenzi nanye into embi; kungekuko ukuze sibonakale sicikidekile thina, ikukuze nenze into entle nina, ke thina sibe njengabangenakucikideka.

8 Kuba asinakwenza nto ngokuchasa inyaniso; sinokwenzela inyaniso.

9 Kuba siyavuya, xa sukuba singenamandla thina, nibe nina ninamandla; sithandazela nokuthandazela oku ke, ukuba nigqibelele ukulunga.

10 Ngenxa yoko ndibhala ezi zinto ndingekho, ukuze ndingathi, ndakuba ndikho, ndenze kabukhali ngokwegunya, endalinikwa yiNkosi ukuba libe lelokwakha, lingabi lelokuchitha.

11 Elokugqiba, bazalwana, ndithi, Vuyani, zilungiseni nigqibelele, thuthuzelekani, cingani nto-nye, zolani; wothi ke uThixo wothando noxolo abe nani.

12 Bulisanani ngolwango olungcwele.

13 Bayanibulisa bonke abangcwele aba.

14 Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu, nothando lukaThixo, nodlelano loMoya oyiNgcwele, malube nani nonke. Amen.

<< ← Prev Top Next >>