Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / neZetestamente Entsha / 1 Kwabase Tesalonika

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Kwabase Kolose 1 Kwabase Tesalonika 2 Kwabase Tesalonika

Chapitre 1 2 3 4 5

1 UPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika elikuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu, Kristu; bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

2 Sihlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu nonke; sinikhumbula emithandazweni yethu;

3 singayeki ukuwukhumbula umsebenzi wenu wokholo, nokubulaleka kwenu kothando, nokunyamezela kwenu kokuthemba iNkosi yethu uYesu Kristu, phambi koThixo uBawo wethu;

4 sikwazi, bazalwana bathandiweyo nguThixo, ukunyulwa kwenu.

5 Ngokuba iindaba ezilungileyo zethu azibangakho kuni ngantetho yodwa; zabakho nangamandla, nangoMoya oyiNgcwele, nangenkoloseko enkulu, njengoko naziyo ukuba saba ngabanjani na phakathi kwenu ngenxa yenu.

6 Nani naba ngabaxelisa thina nayo iNkosi, nalamkelayo nje ilizwi nisembandezelweni eninzi, ninovuyo loMoya oyiNgcwele;

7 nada naba yimifuziselo kubo bonke abakholwayo, abakwelaseMakedoni nelaseAkaya.

8 Kuba lahlokoma livela kuni ilizwi leNkosi, akwaba khona kwelaseMakedoni nelaseAkaya lodwa; kusuke ezindaweni zonke ukukholwa kwenu kuThixo kwaduma, ngokokude kungabi safuneka ukuba sithethe nto.

9 Kuba bona ngokwabo baxela ngathi, ukuba kwakunjani na ukungena kwethu kuni, nokokuba nathini na ukuguqukela kuThixo, niphuma kuzo izithixo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo oyinyaniso,

10 nilinde uNyana wakhe evela emazulwini, awamvusayo kwabafileyo, kwauYesu, osihlangulayo kuyo ingqumbo ezayo.

<< Prev Top Next → >>