Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / neZetestamente Entsha / KuTito

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

2 KuTimoti KuTito KuFilemon

Chapitre 1 2 3

1 UPawulos, umkhonzi kathixo, umpostile ke kaYesu Kristu, ngokokholo lwabanyulwa bakaThixo, nokuyazi inyaniso engokokuhlonela uThixo;

2 ngethemba lobomi obungunaphakade, awathi uThixo, ongenakuxoka, wabubeka idinga ngaphambi kwamaxesha angunaphakade,

3 walibonakalisa ke ilizwi lakhe ngamaxesha angawalo, ngokuvakalisa endakuphathiswayo mna, ngokommiselo woMsindisi wethu uThixo:

4 kuTito, umntwana wam wenene ngokwaselukholweni, esinobudlelane ngalo: Makube lubabalo, noxolo oluvela kuThixo uYise, nakuYesu Kristu, uMsindisi wethu.

5 Ndakushiya eKrete ngenxa yoku, ukuze uhambise ukuzilungisa izinto eziseleyo, umise amadoda amakhulu kwimizi ngemizi, njengoko ndakumisela ngako mna:

6 ukuba umntu ungongenakumangaleleka, eyindoda yamfazi mnye enabantwana abakholiweyo, abangamiselwa tyala lakuzibhubhisa, abangaswele kuthobela mntu.

7 Kuba umveleli umelwe kukuba ngongenakumangaleleka, njengegosa likaThixo; angabi ngowenza ukuzithandela kwakhe; angabi ngoqumba msinya; angabi ngogeziswa yiwayini; angabi ngumbethi; angabi ngongxamela nzuzo imbi.

8 Umelwe kukuthi abe ngobuka iindwendwe, umthandi wokulungileyo, onesidima, olilungisa, ongcwele, onokuzeyisa;

9 ebambelele ezwini elithembekileyo ngokwemfundiso, ukuze abe nako ukuvuselela ngayo imfundiso ephilileyo, nokubohlwaya badane abaphikayo.

10 Kuba baninzi abathethi bezinto ezingento nabakhohlisi, abaswele intobeko, ngokukodwa abo bolwaluko,

11 abamelwe kukuvingcwa imilomo; abathi izindlu ziphela bazibhukuqe, befundisa izinto ezingafanelekileyo ngenxa yenzuzo embi.

12 Wathi omnye wabo, kwaumprofeti wakowabo, AmaKrete ahlala engamaxoki, amarhamncwa amabi, amadla-kudla angasebenziyo.

13 Obo bungqina buyinene. Ngenxa yeli thuba bohlwaye kabukhali, badane, ukuze baphile elukholweni;

14 banganyamekeli zintsomi zabuYuda, namithetho yabantu abayinikela umva inyaniso.

15 Izinto zonke zihlambulukile kwabahlambulukileyo; kwabadyobhekileyo nabangakholwayo, akukho nto ihlambulukileyo; kusuke kwadyobheka nengqiqo nesazela sabo.

16 Bayavuma ukuba bayamazi uThixo; kanti ngayo imisebenzi bayamkhanyela, bengamasikizi, bengabangevayo, nakumsebenzi wonke olungileyo bengenakucikideka.

<< Prev Top Next → >>