Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / neZetestamente Entsha / IsiTyhilelo

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

EkaYuda IsiTyhilelo

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22

1 Isityhilelo sikaYesu Kristu, awamnika sona uThixo, ukuba ababonise abakhonzi bakhe izinto ezimele ukubakho kamsinya; waqondisa wathumela ngaso isithunywa sakhe sasemazulwini kumkhonzi wakhe uYohane,

2 owalingqinelayo ilizwi likaThixo nobungqina bukaYesu Kristu, kwaneento zonke awazibonayo.

3 Unoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso isiprofeto esi, bazigcine izinto ezibhaliweyo kuso; kuba ixesha likufuphi.

4 UYohane ubhalela amabandla asixhenxe akwelaseAsiya; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kulowo ukhoyo, wayekho, uzayo; nakubo ooMoya abasixhenxe abaphambi kwetrone yakhe;

5 nakuYesu Kristu, oliNgqina elithembekileyo, Owamazibulo kubo abafileyo, uMphathi wookumkani bomhlaba. Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi,

6 wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo uYise: kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

7 Yabonani, uza namafu; aye eya kumbona amehlo onke, kwanabo bamhlabayo; zaye ziya kummbambazelela zonke izizwe zomhlaba. Ewe, amen.

8 Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; itsho iNkosi, leyo ikhoyo, yayikho, izayo, uSomandla.

9 Mna Yohane, endikwangumzalwana wenu, nedlelane nani ngayo imbandezelo, nangabo ubukumkani, nangonyamezelo lukaYesu Kristu, ndaye ndisesiqithini ekuthiwa yiPatmos, ngenxa yelizwi likaThixo, nangenxa yobungqina bukaYesu Kristu.

10 Ndaye ndikuMoya ngemini eyeyeNkosi; ndeva emva kwam izwi elikhulu, ngathi lelexilongo,

11 lisithi, Mna ndinguAlfa no-Omega, owokuqala nowokugqibela. Okubonayo kubhale encwadini ukuthumele kuwo amabandla asixhenxe aseAsiya: e-Efese, eSmirna, ePergamo, eTiyatira, eSardesi, eFiladelfi, eLawodike.

12 Ndaza ndee guququ, ukuba ndilibone ilizwi elo belithetha nam. Ndithe guququ ke, ndabona iziphatho zezibane zegolide zisixhenxe;

13 naphakathi kweziphatho zosixhenxe ezo, ofana noNyana woMntu, ambethe ingubo efike ezinyaweni, ebhinqe emabeleni umbhinqo wegolide.

14 Intloko yakhe ke neenwele zimhlophe, njengoboya bezimvu obumhlophe njengekhephu; amehlo akhe enjengelangatye lomlilo;

15 iinyawo zakhe zifana nobhedu olubengezelayo, zingathi zivuthiswe eziko; izwi lakhe ngathi sisandi samanzi amaninzi.

16 Waye eneenkwenkwezi ezisixhenxe esandleni sakhe sokunene; emlonyeni wakhe kuphuma ikrele elibukhali, elintlangothi mbini; ubuso bakhe bunjengelanga, likhanya ngamandla alo.

17 Ndithe ndakumbona, ndasuka ndawa ezinyaweni zakhe, ndaba njengofileyo. Waza wabeka isandla sakhe sokunene phezu kwam, esithi kum, Musa ukoyika; mna ndingowokuqala nowokugqibela, ndinguye odla ubomi;

18 ndaye ndifile; yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. Ndinazo nezitshixo zelabafileyo nezokufa.

IsiTyhilelo 1:18 - The Revelation to John
The Revelation to John
19 Zibhale izinto ozibonileyo, nezikhoyo, kwaneziya kubakho emva kwezo.

20 Imfihlakalo yeenkwenkwezi ezisixhenxe ozibonileyo esandleni sam sokunene, neziphatho zezibane zosixhenxe zegolide, yile: Iinkwenkwezi ezo zisixhenxe zizithunywa zawo amabandla asixhenxe; neziphatho ezo zisixhenxe uzibonileyo ngamabandla osixhenxe.

<< Prev Top Next → >>