Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible
Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / neZetestamente Entsha / IsiTyhilelo

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

EkaYuda IsiTyhilelo

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22

1 Ndabona, nantso iMvana imi phezu kwentaba yeZiyon, kumi nayo ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, benalo igama loYise libhaliwe emabunzini abo.

2 Ndeva izwi liphuma ezulwini, lingathi sisandi samanzi amaninzi, lingathi sisandi sendudumo enkulu.

3 Ndeva nezwi lababethi beehadi, bebetha iihadi zabo; bevuma ingoma engathi intsha, phambi kwetrone, naphambi kwezinto eziphilileyo zone, namadoda amakhulu; kwaye kungekho namnye unako ukuyifunda ingoma leyo, lingelilo ikhulu elinamanci mane anesine lamawaka, ababethengiwe emhlabeni.

4 Aba ngabo bangadyobhekanga ngabafazi, kuba benyulu. Aba ngabo bayilandelayo iMvana apho isukuba isiya khona. Aba bathengwa bephuma ebantwini, baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.

5 Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala.

6 Ndabona esinye isithunywa sezulu, siphaphazela esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu;

7 sisithi ngezwi elikhulu, Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.

8 Kwaza kwalandela esinye isithunywa sezulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli, loo mzi mkhulu! ngokuba iseze zonke iintlanga ngewayini yomsindo wobuhenyu bayo.

9 Saza esesithathu isithunywa sezulu sazilandela zona, sisithi ngezwi elikhulu, Ukuba umntu uyalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe:

10 yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe, athuthunjiswe ngomlilo nesulfure phambi kwezithunywa ezingcwele, naphambi kweMvana.

11 Umsi wokuthuthunjelwa kwabo unyuka use emaphakadeni asemaphakadeni; abanakuphumla imini nobusuku abo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, nomntu ukuba uthi alwamkele uphawu lwegama lalo.

12 Nalu unyamezelo lwabangcwele; naba abayigcinayo imithetho kaThixo nokukholwa kuYesu.

13 Ndeva izwi liphuma emazulwini, lisithi kum, Bhala, uthi, Banoyolo abafi, abo bafela eNkosini, kuthabathela apha; ewe, utsho uMoya, ukuba baphumle ekubulalekeni kwabo; imisebenzi yabo ke ilandelana nabo.

14 Ndabona, nalo ilifu elimhlophe; elifini apho kuhleli ofana noNyana woMntu, enesithsaba segolide entloko, esandleni sakhe enerhengqa elibukhali.

15 Kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni, sidanduluka ngezwi elikhulu kulo uhleli efini, sisithi, Lifake irhengqa lakho, uvune; ngokuba lifikile kuwe ilixa lokuvuna; ngokuba ukudla komhlaba kuvuthiwe.

16 Lowo uhleli efini waliphosa irhengqa lakhe emhlabeni; wavunwa ke umhlaba.

17 Kwaza kwaphuma esinye isithunywa sezulu etempileni esemazulwini, naso sikwanerhengqa elibukhali.

18 Kwaphuma esinye isithunywa sezulu esibingelelweni, sinegunya kuwo umlilo; sabiza ngonkqangazo olukhulu kweso sinerhengqa elibukhali, sisithi, Lifake irhengqa lakho elibukhali, ubuthe izihloko zomdiliya womhlaba, ngokuba iidiliya zawo zigqibele ukuvuthwa.

19 Isithunywa saliphosa irhengqa laso emhlabeni, sawubutha umdiliya womhlaba, sawuphosa esixovulelweni esikhulu somsindo kaThixo.

20 Isixovulelo eso sanyathelwa ngaphandle komzi lowo; kwaphuma igazi esixovulelweni eso, lada lafika emikhaleni yamahashe, umgama wezitadiya eziliwaka elinamakhulu amathandathu.

<< ← Prev Top Next → >>